Uza kuvela enkundleni owazama ukubulala umfazi

Amaqela amapolisa amiselwe eMajola, eSajonisi kunye nabecuphi baseSajonisi babambe umrhanelwa oneminyaka engama31 ubudala ngoLwesine, umhla wama26 kweyoMnga 2024 ngetyala lokuzama ukubulala emva kokudubula inkosikazi yakhe ngoMgqibelo umhla wama21 kweyoMnga 2024.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uKapteni Welile Matyolo, umrhanelwa onama31 ukhokelele amapolisa kubarhanelwa ababini abangamadoda abaneminyaka engama39 nama41 ekutyholwa ukuba wabathengisela imipu, nalapho kwafunyanwa imipu emibini engenazimpepha yohlobo lwe9mm. Abarhanelwa babanjwa kwangoko.

Kwesinye isiganeko kuTsolo, igqiza lamapolisa ekunye nabecuphi bakuTsolo babambe umrhanelwa oneminyaka engama27 ubudala kwingingqi yaseLucingweni ngoMgqibelo umhla wama28 kweyoMnga 2024 ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe ngorhatya ze afumana umpu wohlobo lwe9mm owawungekho mthethweni.

Bobane abarhanelwa baza kuvela kwiinkundla zikamantyi ezohlukeneyo ngoMvulo, umhla wama30 kweyoMnga 2024 bejongene namatyala abo ohlukeneyo.