UZahara akalifuni isondo, ulinde usuku olukhulu lomtshato!

Imvumi yeli UZahara

UZozigcina engabelani ngasondo de abe uyatshata oyimvumi yodumo uBulelwa Mkutukana nowaziwa ngelika “Zahara” igama njengoko kuvakala ukuba uthandana nomfundisi uthile waseGoli.

Ezi ngxelo zidizwe kwiSolezwe lesiZulu ngabasondeleyo kuZahara kwakunye nomfundisi. Ingxelo ithi uthando oluphakathi kwesi sibini luvutha amadangatya kwaye nomtshato sele ukufutshane njengoko nomfundisi sele ezibonakalisile kusapho lakwaMkutukana.

“Lo mfundisi bakhule kunye noZahara eMonti behamba inkonzo enye, kodwa bengazange bakhe bathandane ngaphambili ekukhuleni kwabo. Ekugqibeleni ude wabe uyazibika kuZahara lo mfundisi waze wamcela nomtshato,” kutsho osondele kwesi sibini.

Okwenza obu budlelwane babo bohluke kukuba oko bethe bathembisana ngomtshato abazange babelane ngesondo, njengoko belinde usuku lwabo olukhulu lomtshato.

“Akazange amphuze nokuba selele naye ngenxa yenkolo kamfundisi.

“UZahara naye usindisiwe. Ngeke aze alale naye kude kube kufika usuku lomtshato. UZahara oku kumonwabisile nanjengoko ebonakala onwabile,” woleke ngelo osondele kwesi sibini.

Le nzalelwane yelali yasePhumlani eMonti, ilinde ukuba yazi usuku lomtshato, izotsho ikwazi ukudiza ezi ndaba esidlangalaleni nanjengoko ingathandi ukuba ziqale ngokuvezwa eluntwini.

Isolezwe lesiZulu limtsalele uZahara ukuqinisekisa kuye malunga nezi ndaba, akavumanga futhi akaphikanga, uthe akukho anqwenela ukutsho okwangoku. NeSolezwe lesiXhosa limtsalele akawuphendula umnxeba wakhe kwaye wawubona nomyalezo kaWhatsapp.

KwiSolezwe lesiZulu uphendule wenjenje: “Hayini bethuna, khanisiyeke. Akukho nto ndiza kuyithetha ngale nto,” kutsho uZahara.

Endaweni yoko uvele wadiza ukuba uxakekile licwecwe elitsha angavuya ukuba kungathethwa ngalo.

Ngaphandle kweli cwecwe, uZahara kulindeleke ukuba abonakale kumdlalo apho azokuba ngumdlali ophambili nabanye abadlali beqonga abahlonitshwayo kweli abanjengoNambitha Mpumlwana, Lucas Dlamini kwakunye noLuthuli Dlamini.