Uzakubuyela ezinkundleni kwiveki ezayo obuleleyo

Obexhwile waze wabulala intwazana eneshumi elinesine (14) yaseTinarha ngosuku lokubhiyozela inkululeko kwiveki ephelileyo, kulindele ukuba aphinde abuyele kwakhona kwiinkundla zamatyala kulwesithathu weveki ezayo eTinarha.

Umrhanelwa nguAnder Tieman nonamashumi amabini anesibini (22) ubudala, uvele ngolwesithathu kwiinkundla zamatyala okokuqala eTinarha.

Intwazana uMicaylen Hendricks (14) wamatyotyombe aseMoegesukkel kummandla iKamesh eBhayi, waduka kwiveki ephelileyo emveni kwentsimbi yesibhozo ngethuba ethunywe ngunina wakhe amaNapukeni kwivenkile ekufutshane nekhaya elo lakhe.

Isithethi samapolisa uSajini Nkosinathi Majola ungqinile ukuba umrhanelwa uye wabanjwa emeveni kophando ebelwenza kula matyotyombe nanjengoko bebelandela iingcebiso zabahlali bendawo le ngethuba besenza ugqogqo.

Umrhanelwa ubanjwe ngecawe emveni kokuba eye wancwinwa ngabecuphi. Kulapho umrhanelwa eye wachaza inyani eyokukhomba apho umzimba wexhoba awugcine khona.

UNkohli uthe, uqhaqho lomzimba luzakwenziwa nelulo oluzakuthi lubonise ukuba ubulewe njani uHendricks.

Umrhanelwa osajongene netyala lokubulala nokuxhwila ushiyeke ngaphakathi eziseleni.

abongile.ginya@inl.co.za