KULINDELEKE ukuba ajongane nekomiti yokuziphatha kwamalungu eANC usodolophu womasimapala wengingqi Amathole, uNomasikizi Konza. Oku kuthethwe sisithethi seANC kweli phondo uMlibo Qoboshiyane.
Ungaphandle ngebheyile yeshumi elinesihlanu lamawaka eerandi uKonza, ngelixa ilungu lebhunga likamasipala, namalungu ebodi ye-arhente yalo masipala iASPIRE bengaphandle ngamawaka amahlanu eerandi emnye kubo.
Bonke bajongene namatyala obuqhetseba kwanobuqhophololo bemali ekwizigidi zeerandi eyanyaniswa nomsitho woonobuhle okhuthaza inkcubeko phantsi komasipala Amathole. UQoboshiyane uthe iANC eMpuma Koloni izakuqalisa uphando namhlanje, “Sifuna ukuqale sifumane inkcaza ngokwenzekileyo phambi kokuba sithathe isigqibo.”
Uqhube wathi, “Okwangoku sisayithatha njengezityholo, akukho mntu unatyala de inkundla inike isigwebo.” OkaQoboshiyane ukwathe, “esikucelayo kuKonza kwakunye nabarhanelwa abanjwe nabo kukuba basebenzisane nabomthetho koluphando.” Ukanti iDA ithe iyakwamkela ukubanjwa kukaKonza kwakunye nabo atyholwa nabo.
Ongangumphathiswa wobambiswano kurhulumento nemicimbi yemveli kulo mbutho uKevin Mileham uthe, iANC yale mihla ayiboni mpazamo ekunikeni inkxaso kumalungu ayo ajongene nezityholo zolwaphulo mthetho.
“Kwidemokrasi apho iinkokeli zihlawulayo ngezikwenzileyo bekufanele ukuba uKonza kwakunye noRulashe bayanqunyanyiswa ngumbutho obabeke kweza zikhundla,” utshilo uMileham. Ukwathe iDA imemelela abavoti ukuba bangoyuli abantu abanobuqhophololo ngomhla wesithathu ka-Agasti walo nyaka. USiyabulela Makunga, isithethi kumasipala waseAmathole, walile ukuthetha ngokubanjwa kukaKonza. “Lo mcimbi usesezinkundleni nakubantu bezomthetho, ngoko ke asinalizwi sinalo singumasipala,” utshilo uMakunga.
Ukwakha iqela kuthatha ixesha elide, utsho uBobby Motaung