Uzakuthweswa isidanga sobugqirha uRamaphosa

Usekela mongameli weli uCyril Ramaphosa uzakunikwa isidanga sobugqirha
kwezomthetho ngomso yiyunivesithi yaseVenda.

Ibhunga elilawula eli ziko livumelene ngamxhelo mnye ngokunika
uRamaphosa esi sidanga ngenxa yenxaxheba yakhe ngethuba kwakusungulwa umgaqosiseko
weli.

URamaphosa ukhe wasebenza nje ngengqonyela yala yunivesithi ukusukela
ngonyaka ka-1997 ukuya ku-2009.

Ngexesha lakhe kula yunivesithi ukwasetyenziswe nje ngobuso bela ziko
nalapho wathi waqokelela imali ekwibhiliyoni yeerandi (R1-Billion) eyathi
yasetyenziswa ukuvuselela iziseko zelaziko.

URamaphosa
ufunde isidanga somthetho kwiyunivesithi yoMzantsi Afrika emva kokuba wayegxothwe
kwiyunivesithi yaseTurfloop nesele ibizwa ngokuba yiYunivesithi yaseMntla (University
of the North). 

Lo kaRamaphosa wayelilungu eliphambili kumbutho wabafundi iSouth
African Students Organisation (SASO) ngeloxesha. La yunivesithi kulindeleke
ukuba iqhube uthweso zidanga lokugqibela kulo nyaka.