Uzakutsala ke lo unyaka!

Siwuvula lo nyaka ngeendaba ezibuhlungu zokubhubha kwabakhetha abalishumi elinesithandathu. Kudla ngokuthiwa thina noondaba siye sigxile kwezibuhlungu zodwa, singatsho ukuba kumcimbi wolwaluko kubuya amakhulu ngamakhulu wamadoda amatsha.

Kwiphepha lesithandathu nelesixhenxe kweli lanamhlanje sipapasha imifanekiso esiyithunyelwe nini, bafundi beli phepha. Yimifanekiso ethathwe kwimigidi ngemigidi kweli phondo laseMpuma Koloni.

Bekuxakekiwe mpela kumakhaya ngamakhaya. Kwa kumxholo wokuxakeka kukho lo mcimbi we-ANC uzakubanjelwa apha eMonti kule veki izayo.

Umongameli omtsha we-ANC uzakunikezela ngentetho ye “January 8” ngomhla we-13 kule yoMqungu. Yintetho yokuqala ngqa yalo mongameli mtsha, unguCyril Ramaphosa, kwaye sakube siyijonge ngeso elibukhali ngoba yiyo eyakusinika ufifi lokuba uze nantoni lo mfo kwesi sicoco sakhe sitsha. Sigqithe siye kweyoMdumba, apho uMongameli woMzantsi Afrika, hayi owe-ANC, uJacob Zuma uyakube esothula intetho yakhe yobume besizwe.

Sibhala oku singazi nokuba iyakuthi ifika le yoMdumba abe esengumongameli wezwe na uZuma. Kwa kulo nyaka, sikhumbula imiyaka elikhulu kaNelson Mandela.

Izakuba ngunyaka kaMandela! Siqinisekile ukuba isikokhelo sikaCyril Ramaphosa sizakuboleka kakhulu kwizifundiso zikaMandela xa besenza izigqibo ezithile kulo nyaka.

Kuphinde kubekho nalo mba wamatyala atyatyekwa wona uZuma, la abalelwa kuma-783 obuqhophololo norhwaphilizo. Kukho ithuba lokuba ide iye enkundleni yamatyala kulo nyaka le nyewe. Kudala ezama ukuyiphepha ke le uMsholozi.

Nala ngxelo kaThuli Madonsela yokubanjwa ngobhongwana kombuso (State Capture) izakuphengululwa kwa kulo nyaka mtsha singena kuwo. UCyril Ramaphosa uzakonyula ijaji ezakukhokela olu phando.

Lilonke kukhangeleka ngathi izakuba ngunyaka wokuvavanya amandla kaMongameli Zuma lo.

Nathi siliphepha lakho sakuphakela ngobunjalo bazo.