Uzakuvalwa iintsuku ezimbini uN2

Ukuba uceba uhambo phakathi kweMonti noMthatha kule mpelaveki yazi ukuba uzakulibaziseka imizuzu evisayo kunangesiqhelo emva kokuba i-arhente yezendlela (Sanral) ibhengeze ukuba uzakuvalwa iintsuku ezimbini uhola wendlela (N2) phakathi kweDutywa noMthatha.

 Lo hola wendlela uzakuvalwa ngenxa yomsebenzi wokuqhushumbiswa kwamatye okuphucula lo N2 phakathi kweCandu eDutywa kwanaseMthentu okanye eSitebe eMthatha.

 Le arhente ithi olu qhushumbiso luza kwenziwa ukuqala ngentsimbi yesihlanu kusasa ngoMgqibelo (umhla wesithoba kweyoMsintsi) ukuya kwintsimbi yesixhenxe ngokuhlwa ngeCawe (umhla weshumi), xa imozulu ivuma. Ngalo lonke eli xesha, uN2 uzakube evaliwe kungahambi moto.

 AbakwaSanral bacebise abaqhubi, noluntu ngobubanzi, abaceba ukusebenzisa uN2 ukuba xa usuka eMonti usiya eMthatha, phambuka kuN2 kuNdabakazi eGcuwa wandule ukuya eNgqamakhwe naseTsomo ze ujike kwisiphambuka esaziwa njengo-40 ujolise eNgcobo utyatyadule ngo-R61 ukuya kungena nge-Ultra City eMthatha.

 Naxa usuka eMthatha usiya eMonti, sebenzisa kwale ndlela inye, into ethetha ukuba uphambuke e-Ultra City uthathe indlela eya eNgcobo uyokungena ngesiphambuka u-40 ngaseTsomo ze uye eNgqamakhwe wandule ukuthatha indlela esekunene kuN2 wakuNdabakazi.