UNtsika Tyali (38) ojongene nezityholo zokuxhwila uzakuvela kwinkundla kamantyi Engcobo namhlanje ngoLwesine ukuze afake isicelo sebheyile ngokusesikweni.
UTyali ngunesi oncedisayo kwikliniki yaseNgangelizwe eMthatha. Umtyholwa ubanjwe liqela leeHawks iSerious Organised Crime Investigation elizinze eMthatha lisebenzisana neqela leMthatha K9 Unit kunye neMadeira SAPS Vispol ngomhla weshumi elinesixhenxe (17) kweyeKhala 2024.
Isithethi seeHawks uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana, uthi, ngomhla wesithandathu kweyeSilimela 2024, kutyholwa ukuba amaxhoba amabini ahlaselwa ngabarhanelwa abangaziwayo nabathe bangena kwikhaya labo Engcobo babakhombe ngemipu.
“Ezinye izityholo zidiza ukuba amaxhoba anyanzelwa kwizithuthi ezingaziwayo ukuya kwindawo engaziwayo ze emva koko kwafunwa intlawulo ngabarhanelwa,” utshilo uMhlakuvana.
UMhlakuvana uthi ngexesha lesi siganeko, abarhanelwa kuthiwa bathathe amakhadi ebhanki kunye neenombolo zepin zamaxhoba apho kutyholwa ukuba bakhupha imali baza bathenga iimpahla zexabiso kwiivenkile ezahlukeneyo zempahla, nto leyo ebangele ukuba amaxhoba aphulukane nemali engaphaya kwesigidi seerandi (R1,5 million).
Ngenxa yoxinzelelo olwenziwa kubarhanelwa liqela eliphandayo, amaxhoba akhululwa emva kweentsuku ezimbalwa.
Ngexesha lophando lokuqala, kwafunyaniswa ukuba abatyholwa bayahlulahlula imali phakathi kwabo.
Ngophando, omnye wabarhanelwa ekurhaneleka ukuba bayabandakanyeka kwesi siganeko sokuxhwilwa ubhaqwe eqhuba imoto yakhe yohlobo lweVolkswagen Polo emhlophe.
Emva koko, amapolisa amisa imoto kwaye kuthiwa uTyali uzame ukubaleka ukubanjwa, kodwa akazange aphumelele, nto leyo eyabangela ukuba abanjwe kwangoko.
Abafundi bematriki ka2024 benze imbali!