Uzakuvela ngomso ojongene netyala lokuba imoto

UBUYISELWE eziseleni umrhanelwa oojongene
nezityholo zokuba imoto uMncedisi Jonas. UJonas ebevele kwinkundla kamantyi
eDutywa nalapho ajongene nezityholo zokuba imoto
eluhlobo lweMazda Rustler
kwindawo yaseCambridge eMonti kwinyanga ephelileyo.

Wabanjwa ngamapolisa akuKomani ebambisene nawaseGcuwa
ngomhla weshumi kulenyanga sikuyo kumbindi wedolophu yaseDutywa. Kulindeleke
ukuba avele enkundleni kwakhona ngomso, apho kulindeleke ukuba afake isiccelo
sebheyile.

Kusenjalo, amapolisa abike ukuba ayibhaqile imoto
eluhlobo lweToyota Hilux eluhlaza eyabiwa kwidolophu yaseDutywa kwinyanga
kaTshazimpuzi kulo nyaka. Isithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha
uthi, le moto ibhaqwe kwishishini elilungisa iimoto kuKomani. Akukabanjwa mntu okwangoku
malunga neli tyala.