Uzakuvotela bani?

Kugqityiwe, ithethile eyona mibutho mikhulu eMzantsi Afrika. Uzakuvotela bani phakathi kweANC, DA kunye neEFF phaya ngomhla wesithathu kweyeThupha? Okanye awuyihoyanga nokuyihoya le mibutho?

Uzakuhamba neUDM, PAC, FF+ okanye omnye wemibutho yabasebenzi engenela olu gqatso? Phofu kukho nemibutho yasekuhlaleni ezakuthatha inxaxheba kolu nyulo luzayo. Lilonke ukuba izithembiso zemibutho ngemibutho awuhambisani nazo uzakufumanisa ukuba ikhona nemitsha imibutho ozakugagana nayo xeshikweni uvota.

Umcimbi wolonyulo loomasipala ubaluleke kakhulu. Kumbutho ongazange waphatha kungalula ukwenza izithembiso. Kweyakhe yaphatha yazi mhlophe ukuba iingxaki zininzi. Naphi apho uzakusebenzisana nabantu akukho siqinisekiso sokuba kuzakubalula ngoba mntu ngamnye unendlela yakhe yokucinga, uneemfuno zakhe, uneminqweno ethile kunye neengxaki zakhe.

Iinjongo zingakhangeleka zilungile, kodwa into nje efana nemali, politiki nochuku ingazibhukuqa zonke.

Umzekelo namhlanje sibhale ngomqulu wezithembiso zeEFF. Zinomtsalane, ziyavakala, kwaye ingazizinto ezinokunqwenelwa nangubani na. Siyazi ukuba nokaKhongolose wawukhankanya umba wamaxesha okuvulwa koomasipala, ithi into oomasipala mabavulwe nangeempelaveki kwaye neeyure zabo phakathi evekini zongezeleke ukuze abantu abaphangela emini, phakathi evekini, bakwazi ukuxhamla kwiinkonzo zabo. Baziva njani bona abasebenzi boomasipala ngezi yure zongezekileyo? Okanye singayijonga ngeliso lokudalwa kwamathuba emisebenzi?

Kuphinde kubekho nooceba; abona bantu bahlala nabahlali kwaye bazaziyo iingxaki zasekuhlaleni. Iye ibe yenye ke into xa uceba lowo engahlali kwa ukuhlala kuloo ndawo ayisebenzelayo.

Ukuba siyaqwalasela kakuhle le nto ingabantu. Impumelelo yombutho ngamnye ofuna ukulawula oomasipala isezandleni zabantu abawusebenzelayo.