Uzakuwongwa ngesidanga sobugqirha uPhumzile Mlambo-Ngcuka

UZAKUWONGWA ngesidanga sobugqirha kwinzululwazi
yentlalontle  yiYunivesithi yaseFort Hare
owayesakuba
ngusekela mongameli weli uPhumzile Mlambo-Ngcuka.
 Eliziko lemfundo ephakamileyo libalule igalelo lakhe kwintlalo yabantu
beli.

UMlambo-Ngcuka usebenze nje ngosekela mongameli wokuqala wasetyhini
phantsi kolawulo luka Mongameli uThabo Mbeki ukusukela kunyaka ka 2005 ukuya ku
2008. 
Kulapho atheb athe waziqaqambisa khona kumsebenzi wophuhliso loluntu.

Inxaxheba yakhe kumalungelo abantu,ukulwa ubandlululo nolawulo lesininzi
lutsale imehlo leliziko linembali lakwa Somgxada. Kukwalindeleke ukuba akhokele
ingxoxo yamakhosikazi azakuba exoxa ngemicimbi eyahlukileyo exake intlalo
yabantu basetyhini eMzantsi Afrika. Umxholo wengxoxo yalamanina uzakuba usithi
inxaxheba yamanina ukuphuhlisa intando yesininzi.

Iyunivesithi yaseFort
Hare
ibhiyozela iminyaka
elikhulu eliziko lasekwayo.