Uzakuyeka ukubhatala izithonga uRAF

Izikhulu zakwaRoad Accident Fund (RAF) eziquka uCharlene Louw, uPaul Modipa okwicandelo labaphandi nabacuphi kwimiba ebandakanya ubuqhophololo kunye noYvonne Badi bachithe intsasa yangoLwesibini bencokola noonondaba ngeenkqubo zabo nephulo lokufundisa abahlali ngeenkonzo zabo.Umfanekiso: Siyanda Jantjies

“Akunyanzelekanga ukuba ube negqwetha ukuba ufake ibango lakho. Ndidla ngokuthi xa uyokufuna inkamnkam yenkubazeko kwaSASSA – awufuni mntu uzakuncedisa, xa uyokufuna imali yeUIF kwaLabour awuzi namntu.

“Nalapha kwaRAF [Road Accident Fund], akunyanzelekanga uze nomntu ozakuthethela; yiza kuthi ukwenzela ukuba loo mali uRAF bekufanele ukunika yona, akunike yona iphelele injalo, kungekho enye imali ezakophuka ngenxa yokuba uzakubhatala omnye umntu ngento eli bango lakho!” – kutsho uYvonne Badi ongumphathi-jikelele weRAF eMpuma Koloni.

Kulo nyaka uphelileyo sabhala ukuba le ngxowa-mali ayinamali; irhweba ngento engekhoyo kwaye amatyala ayo aye ayokufikelela kwiibhiliyoni zeerandi eziphaya kwi-145. Unobangela ikukokuba babhatala abantu iimali ezingaphaya kwale bayenzayo. Oku khange bakuphike. “Ayonto intsha eyokuba iRAF irhweba ngemali engekhoyo. Oko kwabanjalo ukusukela ngo-1981.

“Awoneli umrhumo wamafutha oyiR1.63 ngelitha esuka kwipetroli!” kutsho uCharlene Louw, wezomthetho kule ngxowa-mali yeengozi zendlela. Ukanti uBadi wongeze nelithi, “umphathiswa wezothutho unonxibelelwano nesebe lezoqoqosho ngelizama ukufumanisa ukuba yeyiphi enye indlela esingancedakala ngayo; sifumane imali. “Okwesibini, kukho lo mthetho uzakwenziwa ngoku [iRoad Accident Funds Scheme Bill]. Lo mthetho uzakuthetha ukuba asizukuphinda sikunike umntu imali enkulu ngexesha elinye. Ixhoba le ngozi lizakunikwa imali inyanga nenyanga ngoluhlobo uSASSA enza ngayo. Asizuphinda sinike umntu imali enkulu, njengokuba sizenza ngoku. Ngoba abantu bathi bakufumana le mali inkulu, iye ithathwe nangabanye abantu abangonzakalanga. Ashiyeke lo wonzakeleyo esokola. Sakunika ngoku inyanga nenyanga usaphila emhlabeni njengexhoba le ngozi.”