Uzakwakhelwa umzi ogxothiweyo eMfuleni

Unina womntwana unxibe iskethi esityheli, umntwana umbambe ngesandla noBonginkosi Madikizela ecaleni umfanekiso: Unathi Tuta

eKapa: Uthembise ngokubanika iindawo zokuhlala ezisemgangathweni oomama nabanantwana abaphila ngeendlela ezahlukeneyo zenkubazeko, kwiingingqi zaseMfuleni, umphathiswa wokuhlaliswa koluntu kweli phondo leNtshona Koloni, umnumzana Bonginkosi Madikizela.

Umphathiswa ubetyelele unina wenkwenkwana eneminyaka elishumi ubudala ongumnxusi kwingingqi yaseBardale, eMfuleni, nogxothwayo kumzi anxuse kuwo ngenxa yomntwana wakhe onesifo esichaphazela ukukhula kwakhe nengqondo i-autisim.

UNoncedo Dubula, oneminyaka engamashumi amathathu anesithathu ubudala, uthe kumphathiswa: “ndifuna nje indawo yokuhlala ezakuba yeyam nokuba ndinganikwa ibala ndibeke ityotyombe lam, ndinikwe umbane kuba ndidiniwe kukuhamba ndigxothwa kwiindawo endinxusa kuzo ngenxa yokuba uSomila engaphilanga.”

USomila,10, imeko yokungaphili kwakhe imbangela ukuba abenamandla amaninzi ngamanye amaxesha wophula izinto, abendlongondlongo abethe wonke umntu ophambi kwakhe.

Uninakazi kaSomila, uNeliswa Dubula, oneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu ubudala, uthi: ”ndingavuya kakhulu xa enokufumana indawo eyeyakhe yokuhlala udadewethu kuba imeko yomntwana wakhe akayicelanga, idaliwe.

USomila unamaxesha oku khulula impahla ahambe ngaze, ukuze athomalale kufuneka aseliswe ipilisi”.

Kutyholwa ngokuba aba bathi bayokufuna uncedo koonontlalontle baxelela uNcebakazi ukuba anikele ngomntwana wakhe afunelwe ikhaya anokuhlala kulo. UNoncedo uthi le into akazange ayivume.

“Zange ndivume ukumnika oonontlalontle umntwana wam kuba ndiyamthanda, andinakuphisa ngaye. Ndingavuya ukuba ndinganikwa umhlaba ndizibekele ityotyombe ndifakelwe umbane kwa. Nokuba igumbi langasese alikho, ndixolele ukuzenzeela elombiwayo ukuba kunyanzelekile.”

Ukufika kukaMadikizela eyokusabela ingxaki kaNoncedo ufikele kwigqiza lamanina anabantwana abaneengxaki ezibufana naleyo kaSomila ngempilo kwaye nawo anengxaki yeendawo zokuhlala esithi ayokunika inkxaso kuNoncedo nanjengoko bazakhela igqiza apho baxhasana khona.

UMadikizela uthe akuva ingxaki zaba wathembisa ukuba uzakubabeka phambili kubantu ekufuneka benikwe uncedo lwezindlu wathembisa ukuba uzakubuyela kubo ehamba nomphathiswa wophuhliso lwentlalontl e ephondweni umnumzana Albert Fritz.

UMadikizela uyalele amagosa esebe lakhe ukuba aqwalasele ingxaki yala manina esitsho ukuba oku kwenzelwa ukuqinisekisa ukuba abantwana bahlala kumakhaya akhuselekileyo.

isibhalo@inl.co.za