Uzakuvavwa ngembasa ngorhatya lwanamhlanje uNjingalwazi Mvuyo Tom, ngethuba iKomani Development Foundation izakube inik’ imbeko koosaziwayo baseKomani.
Ingxelo ephuma kwiKDF ithi ezi mbasa zikhutshwa ngeenjongo zokunika imbeko, logama zikwakhuthaza abo bangumzekelo ngomsebenzi wabo eKomani nakuMzantsi Afrika.
Usihlalo weKDF uLuvuyo Rani, uthi uTom yenye yamadoda abayihloniphayo ngenxa yomsebenzi awenzileyo ebomini bakhe.
“Uliphakamisile igama lale dolophu yaseKomani ngoko siza kumnika imbeko, asinguye yedwa ke bakhona nabanye abafana no-Inga Vangqa oyinjineli ephume izandla nabanye abaninzi,” ucacise watsho uRani.
UMvuyo Tom uthathe umhlala phantsi eyingqonyela yeyunivesithi yaseFort Hare kunyaka ophelileyo, ethetha neli phepha ngamava akhe kwintlalo yaseKomani wathi: “Sikhule intlalo inzima kodwa kumnandi apha eKomani ngalo maxesha, sonke sinenjongo yokuba makufundwe, izikolo zonke ezilapha zixaxekile yimidlalo, umculo kwakunye nezifundo,” watsho uTom.
IKDF iqhube iinkqubo ezahlukeneyo ukusukela ngoLwesine wale veki eziquka ukuxhotyiswa koosomashishini abakhulayo ngezi mbasa zizakunikiswa ngolu rhatya.
Usaziwayo womsasazi okwayinzalelwana yaseKomani, uNonala Tose, usebenzise eli thuba ukuxhobisa oosomashishini abaphuma kwiindawo ezahlukeneyo zaseKomani.
”Umbono wakho ngeshishini lakho sesona sixhobo sikuncedisa ukuba ukwazi ukuzibona uwuzalisekisa lo mbono, masifunde ukwabelana ngolwazi ukuze sonke sibenolwazi olufanele amashishini ethu,” uthethe watsho uTose.
Le nzwakazi isebenza njengomdidiyeli weenkqubo kwijelo losasazo i-5FM eRawutini, ikwaqhuba ushishino lweenkampani ezenza izinto ezininzi.
”Omnye umlenze woshishino lwam kukukhuthaza nokufundisa amabanjwa ezintolongweni ngeendlela zokuba alungele ukubuyela eluntwini bezilungiselele, noluntu nalo lukwazi ukubamkela,” uthethe watsho uTose.
Ukanti uRani uthi iKDF ineenjongo zokuqinisa ubuhlobo nabezoshishino, imfundo nokuphuhliswa kwezimali.
“Simi ngemigomo emithathu imfundo, uphuhliso lwezimali kunye nezoshishino, yiloo nto usibona apha sikhuthaza ngezi mbasa abantu abaphuma kwezemfundo njengoNjingalwazi Tom, sixhobise oosomashishini,” uthethe watsho uRani.
Abafundi bematriki ka2024 benze imbali!