Besigqibele sithenjisiwe ukuba uZalo luzakolulwa ludlale iintsuku ezintlanu ngeveki.
Oku kubonakala ngathi akuzokwenzeka ngokuphanyaza kweliso.
Ngethuba uHlaudi Motsoeneng oyi-COO yeSABC esothula ezindaba kwisithuba senyanga, abantu babecinga ukuba oku kuzakwenzeka kungekudala, kodwa kusathe cwaka!
Ngokutsho kwe-TV SA, kuvalelwene kwisithebe seengxoxo malunga noku.
Abasemfuthweni bathi, abavelisi balo mdlalo kunye ne-SABC basakhangela iindlela zokwenza oku ngokuba le sizini intsha sele igqityiwe ukwenziwa.
Kuvakala ukuba akusayi kubakho ziqendu zonele iintsuku ezintlanu okwangoku, nanjengoko le isizini iphela ngenyanga kaFebruwari.
Kuvezwe nokuba ukolulwa kwexesha lalo mdlalo kuzakutya kakhulu emalini, nto leyo iseyingxaki kulandela ingxwaba-ngxwaba yakutsha nje engohlahlo lwabiwo-mali lwalo mdlalo.
Ingaba uZalo lakolulelwa nini ixesha? Sizindlebe zakho!
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?