Uzele abantwana abane kwimizuzu emihlanu!

Kapa:

Sagqibela kwinto ekwiminyaka elishumi eyadlulayo ukubelekisa umdlezane onabantwana abangaphaya kwesithathu isibhedlele saseTygerburg, eNtshona Koloni.

Oku kulandela emva kokuba ifumene abantwana abane ngexesha elinye intwazana enamashumi amabini anesibini (22) eminyaka ubudala.

U-Inga Mafenuka ulizwe ngabantwana abangamawele abane, amantombazana amabini namakhwenkwe amabini.

Ezi mveku zibelekwe phambi kwexesha nanjengoko unina ebeseneeveki ezingamashumi amabini anesithoba (29) ekhulelwe.

Ulizwe ngezi mveku ngomhla wesithandathu kule nyanga emva kwentsimbi yesihlanu emva kwemini.

U-Inga uxelele I’solezwe malunga nokulizwa kwakhe ngabantwana abane ngexesha elinye. “Ndazazi ndineshumi elinesithandathu leeveki (16) ukuba ndithwele abantwana abane ngethuba ndandihlukuhla kwisibhedlele iMichael Maphongwane eHarare eKhayelitsha.

U-Inga Mafenuka uhlala kwikhaya lakhe eSite C eKhayelitsha, aba ngabantwana bakhe bokuqala.

“Bendicinga ukuba oogqirha bayandiqhatha xa besithi ndibeleke abantwana abane kwisithuba nje semizuzu emihlanu,” utshilo uInga.

Uthi khange akholelwe ngethuba ebaboniswa bephakanyiswe ngoogqirha bemane besiziswa nganye nganye. “Ndikholelwe emva kokuba ndibabone behleli kunye,” utshilo uInga nekunyanzeleke ukuba ashiye phakathi kwizifundo zakhe nanjengoko ebesenza unyaka wokugqibela kwiKholeji iGreenfield.

Wenziwe utyando oluhambe ngaphandle kwamagingxigingxi nangona bebelekwe kwinyanga yesixhenxe. Kungoku nje baza kuhlala esibhedlele de kuphele iinyanga ezimbini phambi kokuba bakhululwe kweli ziko lezempilo.

“Ndiqhelile ukubelekisa nje kuphela abantwana ababini, njengogqirha bendiqala ukwenza umsebenzi omkhulu kangaka ukubelekisa ngexesha elinye abantwana abane,” utshilo uGqirha Celeste van Drunick.

Lo gqirha uthi khange kube lula nanjengoko ebenexhala kuba olu ibilutyando olujongene nemiphefumlo emincinane emine ngexesha elinye. UGqr Van Drunick uthi abantwana baphume bengabikwa hlaba kodwa kuza kunyanzeleka ukuba bagqibe iinyanga ezimbini behleli eglasini yokubagcina esibhedlele.

Uthi umntwana wokuqala ukuvela uthe gqi ngemizuzu elishumi elinesibini emva kwentsimbi yesihlanu (17:12) ze owokugqibela wavela emva kwemizuzu elishumi elinesithandathu emva kwentsimbi yesihlanu emva kwemini (17:16). UVan Drunick uthi oyena mncinci ubunzima bakhe bungamakhulu asibhozo anamashumi amathathu (830g).

Lo nto ithetha ukuba ubunzima bezi mveku buphakathi kwamakhulu asibhozo anamashumi amathathu (830g) ukuya kuma kwiwaka linamashumi amathathu obunzima (1030g).

UMphathiswa wezeMpilo eNtshona Koloni uGqr Nomafrench Mbombo utyelele unina wezi mveku ngoMvulo (9 eyeKhala 2018).

“Mancinci kakhulu amathuba wokuba esi sibhedlele sibelekise abantwana abane ngokwendalo, nangona rhoqo ngonyaka sizuza abantwana abangamawaka asibhozo (8000),” utshilo uMbombo.

Uthi kunqabile ukuba umdlezana afumane abantwana abangaka engancediswa ngamachiza ala maxesha.

UMbombo uthembise lo mdlezana ukuba baza kumncedisa ngamalweyile de abantwana babeneminyaka emibini ubudala. Esitsho kananjalo ukuba bajonge izipho nakwezinye iinkampani ezingazama ukukhawulelana nolu sapho.

Ingcali yamasiko nezithethe eMpuma Koloni, uMlawu Tyatyeka, uthi yintsikelelo ukuzalwa kwabantwana abane ngexesha elinye, ngumama omnye:

“Akukho nto ityhulu ngale nto, koko kumele sivuye, kuba yinto ekhoyo le, nangona inqabile ukuba umntu azale abantwana abane ngexesha elinye, lisikelelekile elo khaya!”