Uzenzela ushishino ngokoja inyama kwiirenki zaseCala

Zintathu iirenki ezinkulu eCala, kodwa umnqa ngowokuba ibingekho nanye ethengisa ukutya okukhawulezileyo njengenyama etshisiweyo nepapa.

Oonoteksi balo mmandla kufuneka bafole ezivenkileni ukufumana nje into efana nolusu nesonka.

Uninzi lwabo belubhenela kumagwinya kuba lusonqena ukufolela ukutya okukhawulezileyo, kodwa kungokunje kutshintshe konke oko ngenxa kaYolisa.

UYolisa Mdunyelwa noyinzalelwane yaseKhowa sele eenenyanga ezintathu ezivulele indawo etshisa inyama kwirenki yaseCala ethutha iKomani kunye neLady Frere, kwaye akawuvali umlomo yindlela amkelwe ngayo ngoonoteksi baseCala neziphaluka.

Ethetha nephephandaba I’solezwe lesiXhosa uMdunyelwa uthe: “Ndisuswe kukungabikho kwemisebenzi, kwaye ndingumzali oyedwa okhulisa abantwana abathathu. Ndibonile ukuba mandiqale into ezondiphilisa mna nosapho lwam, kungoko ndilapha ngoku.”

UMdunyelwa uthengisa isibindi esitshisiweyo, amagila aqhotsiweyo kunye namaphiko enkukhu aqhotsiweyo ze afakwa iziqholo zakwanokutsho zokutya ezifana nebarbacue. Isibindi usithengisa ngeR8 kuphela, amagila axabisa iR10 kunye namaphiko enkukhu.

“Abantu beeteksi bayakuthanga konke endikuthengisayo apha, kwaye batya umhla nezolo kuba bahlala belapha. Ndithenga iinkuni ngeR30 ikiliva kubantu abazisarha eTsomo. Kungokunje ndithe shuu abantu bafuna ipapa, isonka nenyama yangaphakathi efana nolusu, yiyo lo nto ndigqibe kwelokuba nazo ndizithengise. Ayikho enye indawo eyenza eli shishini apha eCala ngaphandle kwam yiyo lo nto ndixhentsa ndizombelela,” utshilo uMdunyelwa encumile.

Nangona kunjalo, le nzwakazi ikhala ngokungahoywa koosomashishini basesitalatweni eCala kuba akho kwanto ebakhuseleyo xa kunetha okanye kutshisa.

“ Kwezinye iindawo oono- Hawker bakhelwa iishelter, kodwa dololo eCala, qha sisuke sifunwe i R500 yokuthengisela edolophini, kodwa uzophinda umise ityotyombe ngokwakho,” uqwele watsho uMdunyelwa.

isibhalo@inl.co.za