Uzenzele iBBQ Sauce emuncis’ iintupha!

USipho Suntelo nozingca ngempumelelo yakhe nge (sosi) athe waziqalela yona ayibiza ngokuba yi Ebuhlanti BBQ Sauce

Ozakhela igama lakhe kwezoshishino eMonti uSipho Suntelo, 31, ongumnikazi wesinongo iEbuhlanti BBQ Sauce, uthi apho ajonge khona kukuba sifumaneke nakumanye amazwe angaphandle kwiAfrika. Eli tyendyana likhulele kwilizwe laseLesotho ebazalini bakhe. Lifundele ukupheka ePE College.

Uthi umbono wokuziqalela eyakhe iEbuhlanti BBQ Sauce uqale ngo2015 ngethuba eyintloko yabapheki kwenye yeehotele zaseMonti.

Uthi wacela uManejala wakhe athenge izithako ezithile kuba efuna ukukhe azame esi sinongo (sauce) esizokuba sesabo kule hotele, hayi esithengwa sele silungele ukutyiwa.

Emva kokubona ukuba siyathandwa ziindwendwe ezityelela kwihotele yabo, wagqiba ekubeni asikhulise nangakumbi nto leyo yamenza ukuba aphume emsebenzini. Uthi okubangele ukuba asithiye ngeli gama iEbuhlanti izizathu zoko zininzi, okunye ikukukhumbuza abantwana bomgquba emva ekhaya abaphesheya kolwandle umtsalane kwanokubonakalisa ubunye. Ngaphandle kwiphepha elithe nca kule bhotile yeEbuhlanti BBQ Sauce ibhaliwe injongo yeli gama.

Uthi injongo kukuba isosi yakhe inabe ingafumaneki eMpuma Koloni naseMzantsi kuphela.

“Sinoosisi noobhuti abaphesheya kolwandle endifuna babenento ebakhumbuza emva ekhaya kwenzele athi xa ebona igama iEbuhlanti azibone esemaxhantini kowabo. Zikhona izinto othi wakuyiva, wakuyibona naxa uyingcamla ivele ikukhumbuze imvelaphi kwanokukhula kwakho, nale sauce igama layo injongo yalo koko,” utshilo uSuntelo.

KwiEbuhlanti BBQ Sauce kusafumaneka ibhabhatyu kuphela. Lo mpheki uthi ezimnandi iindaba zezokuba uza kukhupha nencwadi yokupheka, kwaye ukwakulo nephulo lokuyikhulisa ifumaneke nangeperiperi nangezinye izinongo le Ebuhlanti. Kwaye le Ebuhlanti awuyifaki kwinyama eyojiweyo kuphela, uyifaka nakwipizza, intlanzi neetshipsi.

IEbuhlanti BBQ Sauce isafumaneka ikakhulu kwiiTshisanyama zaseMonti eGonubie, Beacon bay naseVincent. USuntelo sele ekwiingxoxo neenkampani ezivelisa ukutya eziza kuthi zithengise esi sinongo sakhe.

“Noosomashishini esele ndibeke kubo le sauce yam bonwabile kwaye bayandikhuthaza.”

Uthi wonwabile kwindawo akuyo ngoku ngokwale Ebuhlanti BBQ Sauce nangona nje ngeli xesha lokumiswa kweentshukumo zelizwe bekukhe kwanzima engasayi ngaphandle ayokuthengisa isauce yakhe.

USuntelo uthi uyayibulela inkxaso ayifumana kuluntu, nawayifumana kwiSEDA.

Uthi umngeni asajongene nawo kukudelelwa ngabantu kuba becinga inokuba uqeshiwe ayoyakhe le sauce, abanye baye bavuye batsho bathenge xa bebona igama kwaye besiva nokuba ungumvelisi wayo. UkuFacebook nakwiLink FM ngooLwesine apho afundisa ngokupheka.