Ulahlile njengelungu lePalamente uMalusi Gigaba, emva kokwehla kwisikhundla sekhabhinethi njengoMphathiswa wezeKhaya.
Ebombethwe zizigigaba lo kaGigaba ngethuba engumphathiswa, kuthontelana izityholo zokungaziphathi ngendlela elindeleke kumntu ongumphathiswa.
Ezi ndlela ziquka ukuxoka phantsi kwesifungo ngethuba ephika ukuba wanika imvume kusapho lakwaOppenheimer indawo yokusebenzela yabucala kwisikhululo seenqwelomoya iOR Tambo International.
Ukwatyholwa ngokunika usapho lakwaGupta amagunya okubamba umbuso ngobhongwana ngethuba enguMphathiswa waMashishini kaRhulumente.
UGigaba utyholwa ngokunika olu sapho imvume yokuba ngabemi beli kungalandelwa ndlela yasemthethweni. Uke wagqwaliswa nayividiyo yakhe edlala ngelingu lakhe lobudoda, nathi wayeyenzela ukuyithumelela inkosikazi yakhe.
Lo kaGigaba ebeziphika ezi tyholo esithi nasenkundleni zange anikwe thuba lokuziphendulela.
Ulahla njengelungu lePalamente ngethuba amaqela aphikisayo ebemrhuqela kwikomiti ejongene nokuziphatha kwamalungu ePalamente. Kusalindeleke neziphumo zophando zekomiti yasePalamente ibiphanda indima kaGigaba ekubanjweni kombuso ngobhongwana.
Kufike ixesha lokuba ndibuyele ekhaya, utsho uSiya Kolisi