Uzibona engenakhaya ngenxa yeeteki!

Ushiyeke engenakhaya ongenabazali uSiphosenkosi Ntlanganiso, 32, waseChiken Farm kude kufuphi naseMdantsane emva kokuba obevana naye nokwangummelwane wakhe ethe wamtshisela ikhaya kuba efuna iiteki zakhe ebemcele ukuba amvasele zona.

UNtlanganiso uthi kwakukudala elumkiswa ngabahlali ngalo mmelwane wakhe nowaziwa ngokubandlongondlongo ekuhlaleni, kodwa kuba encedwa nguye amaxesha amaninzi bekungekho lula ukohlukana naye kuba yena akaphangeli.

USiphosenkosi Ntlanganiso waseChiken Farm utyhola ummelwane ngokumtshisela indlu. Umfanekiso: BHEKI RADEBE
uSiphosenkosi Ntlanganiso waseChiken Farm utyola ummelwane ngokumtshisela indlu. Umfanekiso: BHEKI RADEBE

Uthi namhlanje sele ezibona engenakhaya nje kungenxa yeteki kuphela. UNtlanganiso akaphangeli, wayeka ngenxa yokubanengxaki yokungaboni kakuhle ngamehlo. Usoloko encedwa ngummelwane wakhe ngemisetyenzana efana nokulungisa imoto, ukumvasela kwanokumenzela lo nto acele ukuba ayenze emva koko abhatalwe.

Oku kuza emva kokuba ngoMgqibelo kwiveki ephelileyo kule nyanga, uNtlanganiso wacelwa ngummelwane wakhe, abantanganye, nosebenza ngokuqhuba izithuthi ekubeni amvasele iiteki zakhe. Emva koko baya eEducation Village beyokulungisa imoto nekulapho athi ingxaki yaqala khona, babe behamba nentokazi encuma nomrhanelwa.

UNtlanganiso uthi ngethuba bengaphakathi emotweni, yena nentokazi yomrhanelwa bencokola, umrhanelwa wangena sele enyola uNtlanganiso esithi bancokola ntoni, ufuna ukwenzani kwisithandwa sakhe.

Ixhoba lithi zange lilwe kuba lixhomekeke ekugodukeni kwangomrhanelwa, lanyamezela. Ekufikeni kwabo eChiken Farm, umrhanelwa waphinda wangena esiqwini kuNtlanganiso embetha, emthuka ngokokutsho kwexhoba noluntu lubukele, ekwamtyhola nangokubane nto yokwenza nesithandwa somrhanelwa.

“Wandiqusha ngeplanga umzimba wonke endibiza ngazo zonke izithuko, esithi ufuna neteki yakhe yeR1500. Iiteki ndandizisile ukugqiba kwam ukuzivasa, andizazi ezi wayezifuna. Nalapho zange ndilwe. Ndathi ndisangqengqile ndimamele iintlungu zokubethwa, ndeva umsi kanti ngummelwane wakhe uwise ucango kwigumbi lokuphekela, emva koko watshisa ilaphu lefestile ndabe ndikhona ngaphakathi. Umlilo wanwenwela esofeni esezantsi kwefestile, beza abantu, xa kugalelwa amanzi ngabamelwane wanga ugalelwe iparafini,” kutsho uNtlanganiso.

I’ solezwe lesiXhosa lifike okaNtlanganiso ephelele kwezo zisesiqwini iimpahla nathi uziphiwe, yona indlu sele kushiyeke uthuthu lweempahla zangaphakathi. Uthi akakhuphanga nenye into ngaphakathi endlini kamamakhe. Umlenze wakhe wasekunene utshile nawo ngethuba ezama ukubaleka.

“Yhini umzi kamama! Ndishiywe ngumama owabhubha yiCovid-19 ebendihlala naye apha. Andiphangeli, ndayeka ngenxa yamehlo, ndincedwa yipeyi, bendincedwa nangulo unditshiseleyo. Ndicela uncedo kuye nabanina ngekhaya lam!” utshilo uNtlanganiso.

Uthi utata womrhanelwa uthe makayomvulela ityala unyana wakhe kuba akwenzileyo akwamkelekanga. Ityala livuliwe kwisikhululo samapolisa eScenery Park neliphantsi kophando lwabecuphi, nangona engoneliseki esithi liyacotha kuba umrhanelwa akakabanjwa kwaye ubungqina wabusa bonke.

Uthi uyayazi ukubanjwa kwakhe akuzubuyisa khaya lakhe kodwa igama lokuba ubanjiwe lakumonelisa.

UNtlanganiso uhlaliswa ngumhlali uToneka Sikotshi nomthathe ngaphandle kokujonga inzuzo.

Uthi ikomiti kwakunye noceba banalo ulwazi ngokwenzeke kuye kuba bayile ukuyokujonga nangona benganikezanga nto ibambekayo okwangoku.

UNontlalo Ntlanganiso ongusisi wexhoba, ozihlalela nomyeni wakhe, uthi okungabonwabisiyo kukungade kubanjwe komrhanelwa. Uthi bona bashiyeke bengenakhaya, abangaziyo nabo ukuba lakuze livuswe yintoni kuba abaphangeli.

UNtlanganiso uthi iimpahla zokunxiba azilindele ebantwini zininzi kwaye uyabulela ngenkxaso.