Uzichaza njengethemba labasezilalini umbutho iADR

EMVA kokudikwa yeyokosa yimibutho yezopolitiko engasi so kwintlalo yabantu basezilalini, abahlali baseAlfred Nzo baseke umbutho wezopolitiko.

Umbutho i-Abantu Democratic Revolution usekwe ngenjongo yokuphucula intlalo yabahlali basezilalini.

Nangona usemtsha lo mbutho kwaye ukho kuphela kwingingqi yeAlfred Nzo, inkokeli yeADR uSimthembile Madikizela unethemba lokuba uzakunwenwela kwiindawo ezineelali ngakumbi kwiphondo leMpuma Koloni eligcwele iindawo ezingamaphandle.

OkaMadikizela uthe, “Into esiyibonayo ngeminye imibutho yezopolitiko kukuba igxile kakhulu kwintlalo yasedolophini, akukho mbutho uyimeleyo into yokuphuhliswa kweelali.”

Ukwathe eli qela siliseke ngenxa yokuba baninzi abantu abahlala ezilalini abakhala ngeenkonzo ezingafikeleliyo.

“Akukho zindlela abantu basahamba imigama emide, ziseninzi iilali ezingenambane, kusekho abantu abangenazindlu zangasese, iikliniki zikude, kuninzi ekusafuneka kulungisiwe ezilalini,” utshilo uMadikizela.

Uqhube wathi, “Sithetha nabo bantu, sithi mabasivotele. Kukho umbutho othile ongasoze uwuve uthetha ngokuphucula oomasipala bedolophana, into esiyibonayo kukuba lo mbutho ufuna nje kuphela oomasipala abambaxa, sifuna abavoti abahlala ezilalini banganikezi ngeevoti zabo kwimibutho efana nalowo,” utshilo uMadikizela.

Uqhube wathi, nangona eminye imibutho ingathi iyathembisa ngokuphucula iinkonzo zoluntu, akukho nto iyithetha ngokupheleleyo kwabo bahlala ezilalini.

IADR izakuthatha inxaxheba kunyulo lorhulumento ekuhlaleni koomasipala iMbizana, kwakunye neFlagstaff kunyulo ekujongwe kulo ngomhla wesithathu kaAgasti kulo nyaka.

UMadikizela uthe, umbutho wakhe uzakukhuthaza abantu basezilalini ukuba xa beqhankqalaza bangamoshi izinto esele zikhona,

“Masingonakalisi oku sesinako kuba sikhalazela esingenako, masiyeni kunyulo sitshintshe indlela ebesikade sivota ngayo,” ulebele ngelitshoyo.

johnnie.isaac@inl.co.za