UZikalala uyaxolisa ngokubhaxabula umfana orhanelwa ngokuzidaphulela

INKULUBAPHATHISWA yaKwaZulu-Natal, uSihle Zikalala, uxolisile ngesehlo esimbonise ebhaxabula kanobom ngempama emqolo kumfana orhanelwa ngokuzidaphulela kwiimpahla zamashishini kwela phondo.

Umboniso obonisa uZikalala enqakule lo mfana ngengalo ze emva koko amphe isibhaxu izihlandlo ezibini, uthe ndi kumakhasi onxibelelwano. Abanye baphelile yintsini ngenxa yesi sehlo, logama abanye bekhalimela uZikalala besithi bekufanele ukuba wenze ngcono kunoku.

Emva kokubhaxabulwa nguZikalala, lo mfana uphuncukile wabaleka.

NgoLwesine iOfisi yeNkulabaphathiswa eKZN ithi uZikalala uyaxolisa ngokuphakamisa isandla kulo mfana. “INkulubaphathiswa iyazisola ngokusebenzisa amandla [izigalo] ngethuba ibamba [lo mrhanelwa] obezama ukubaleka neempahla ezibiwe kwisiza sokugcina iimpahla (warehouse).”

“Noxa nje isehlo sokubamba lo mrhanelwa silungile, kodwa indlela esenziwe ngayo [yenza ubani] azisole,” itshilo iOfisi yeNkulubaphathiswa.

Le Ofisi ikwamelele kubantu baseKZN ukuba bamanyane futhi bazibandakanye kwinkqubo yokwakhiwa kwakhona kwela phondo.

USekela Mongameli weEFF, uFloyd Shivambu, ubhale kuTwitter wakhe esithi uZikalala makathatyathelwe amanyathelo malunga noku.