UZille ubuwise nzima ubume beNtshona Koloni, ephazanyiswa yiANC

Umfanekiso ogciniweyo kaHelen Zille kwindlu yowiso-mthetho Umfanekiso: Henk Kruger

Phambi kokuba aqale intetho yakhe engobume beNtshona Koloni inkulumbuso, uHelen Zille, uqale wacela umzumzwana wenzolo ukuhlonipha abantu abathe basweleka kwiziko elijongene nabantu abaphazamiseke engqondweni base-Esidimeni. 

Isicelo sakhe asamkelwanga ngamalungu emibutho ephikisayo. 

Usomlomo wendlu yowiso-mthetho yephondo, uSharna Fernandez, udize ukuba imibutho ephikisayo ivumile ukuba iyakusebenzisana kule nkqubo, nalapho kuphendule inkokheli ye-ANC ephondweni, uKhaya Magaxa, ngelithi “asifani noMaimane!”

Asakungena kwintetho yakhe uZille, ubalule ukubaluleka kokuvula indlela yokuhlumisa uqoqoqsho ngokunika abantu abatsha amathuba. Uthi kuyimfuneko ukuba eli lizwe ibe lilizwe eliwuthobelayo umthetho; watsho ejonga kwindawo ehleli amalungu e-ANC ngelithi, “mhlawumbi ningaxelela umongameli wenu lo nto!”

Ukwathi ukudala izithuba zemisebenzi yenye yezinto eli phondo lizingca ngayo nelihamba phambili xa kuthelekiswa namanye kweli lizwe. Nalapho amalungu emibutho ephikisayo aphendule ngelithi, “Ngamanani nje lawo! Uthetha nge EPWP projekthi!”

Oosomashishini babonakalise ukuba nethemba kweli phondo laseNtshona Koloni kwaye kuza kuqinisekiswa ukunyuswa kwezinga lotyalo-zimali ngokuthi kusekwe iziko leCape Investor Centre ekuzeni kuphela kwalo nyaka.

UZille uthe amathuba emisebenzi akhulile kwicandelo lezolimo kweli phondo – ngamashumi amane epesenti kwisithuba seminyaka emibini edlulileyo. Ukwathe wonke ubani unolwazi lwamanzi ashokoxekileyo ngenxa yembalela egqubayo kweli kodwa bayazama ukwandisa ubukhulu bedama iBrandvlei.

“Isenzo senu asahlukanga kwaphela kweso senziwa yi-EFF kwi-SONA!” utshilo oka Zille kumalungu e-ANC ebethetha ngethuba eqhuba intetho yakhe. 

Uthe urhulumente wephondo uzakuncedisana nesixeko seKapa ukubamba abo batyholwa ngokudala imililo ngeenjongo zokonakalisa emadlelweni. Yimililo eqikelelwa kwishumi elinesixhenxe lamawaka ethe yabakho kweli phondo.

Emva kokuphazanyiswa ngamalungu e-ANC inkulumbuso ithathe umzuzwana wenzolo ukunika imbeko kumaxhoba emililo yamatyotyombe. 

Gqaba gqaba, ukwathe uZille:

  • Iiflethi kwanezindlu zisebenzisa malunga namashumi amathandathu anesihlanu epesenti zamanzi logama indawo zoogobityholo zisebenzisa malunga no 4,7%. Ingxelo zophando zibonakalisa ukuba isidingo samanzi siyakuba ngaphezulu kunoku kunyaka ka-2019. UZille ubongoze abantu ukuba bathathe iishawa ezimfutshane, basebenzise amanzi abahlambe ngawo ekunkcenkcesheleni iigadi.
  • Kuzakufakelelwa iindawo zeWISI ezili-150 Wi-Fi kwinyanga yoKwindla. Kunyaka ka-2015 kwenziwa izicwangciso zokuzisa iWIFI yasimahla kuzo zonke iwadi kwaye kwisithuba seminyaka emithathu ngaphaya kwamakhulu amathathu eendawo zine WIFI.
  • Liyehla inani lezikolo ezingaqhubi kakuhle ukusuka kumashumi asibhozo anesihlanu kunyaka ka 2009 ukuza ku-19 kunyaka ka-2016. Inani labafundi abaphumelela ibanga leshumi lenyukile, kuquka nenani labafundi abaphumelela ngeeBachelors. Lenyukile inani labafundi kwizikolo ezingahlawulelwayo imali yokufunda, ngeepesenti ezingamshumi amahlanu anesibhozo.
  • Kusetyenziswe imali engapahaya kwebhiliyoni ezintlanu zeerandi ukuphuhlisa kwicandelo lezempilo. Kutyalwe imali kwicandelo lempilo yezengqondo nekuquka kulo ukwakhiwa ngokutsha isibhedlele sengqondo iValkenberg. UZille uchaphazele umcimbi wokuhlaselwa kwamagosa onyango olukhawulezileyo nekhokelele ekusekweni kwephulo iOperation Khuseleka ukunikela ngenkonzo zokululekwa komphefumlo wamaxhoba.
  • Umcimbi wamadoda athandana nabantwana abaselula nebizwa ngokuba ziiBlesser zikhokelela ekwandeni kokosuleleka ngeentsholongwane. Kukule ntetho apho amalungu emibutho ephikisayo ahumzele esithi “yiDA eziBlessers!” nalapho usomlomo wendlu yowisomthetho ade wangenelela ebongoza inkokeli ye-ANC ukuba irhoxise la mazwi. 

UZille, egqibezela, ukwathe angathanda ukuba umongameli weli lizwe achaze izicwangciso zakhe zokulwa ulwaphulo-mthetho kwilokishi yaseNyanga, emva kotyelelo lwakhe pha evekini: “Ukuze sikwazi ukulwa ingxaki yokuxhatshazwa kotywala kuzakufuneka sifumane iindlela zokwenza zibe semthethweni ezo zikroxo zingekho mthethweni. Kungokunje izikroxo ezithengisa utywala ngaphandle kwemvume zihlawula imali ephakathi kwamashumi amabini ukuya kwikhulu lamawaka eerandi xasithe sabanjwa.’’

Emva kwentetho yenkulumbuso iinkokheli zemibutho ephikisayo ziyigxeke kabukhali intetho yakhe zisithi akakawuchaphazelanga kwaphela umcimbi wokunukunezwa ngokwebala okugqubayo kweli phondo. 

Inkokheli yeANC ephondweni, uMagaxa uthe, “ndidanile kukuba intetho kaZille ayiwuchaphazelanga kwaphela umcimbi wokununezwa ngokwebala kwaye oosomashishini abantsundu abaxhamlanga kwaphela.”

UMagaxa uthi akukho zinto zilungileyo kwaphela kwintetho yenkulumbuso koko ibanga izinto ezenziwa ngurhulumente kazwelonke azenze ezephondo, ajike athathe iingxaki zephondo azenze ezikarhulumente kazwelonke.