UZille unqunyanyisiwe ngokusesikweni

Umfanekiso ogciniweyo kaHelen Zille

INkulumbuso yaseNtshona Koloni uHelen Zille unqunyanyisiwe ngokusesikweni kwiinkqubo zeDemocratic Alliance (DA) kulandela umbhalo wakhe kuTwitter apho wayetyibela inkqubo yobukoloniyali.

Ebhengeza isigqibo salo mbutho, usihlalo weDA kuzwelonke uJames Selfe, uthi umbhalo kaZille kuTwitter uyophule intembeko ebisakhiwa ngulo mbutho eluntwini kwaye ujongela phantsi iinzame zeDA zokwakha iqela lezopolitiko elithembekileyo ebantwini.

“Akukho mathandabuzo kwinto yokuba le mibhalo kaNkzn Zille kuTwitter iwurhuqele eludakeni umbutho wethu. Siphila phantsi kwedemokhrasi ecekeceke efuna ukuba abammeli boluntu bachule ukunyathela xa bethetha ngezinto ebezisenzeka ngexesha lengcinezelo,” utshilo uSelfe kwimbalelwano.

UZille wabhala kuTwitter wakhe ngenyanga yoKwindla kulo nyaka esithi: “Abo bacinga ukuba inkqubo yobukoloniyali yayigwenxa kuphela, cinga ngokuzimela kwengalo yomthetho, uqoqosho lwezothutho kwanemibhobho ehambisa amanzi.”

USelfe uthi inkokeli yeDA uMmusi Maimane uzamile ukusombulula le nyewe noZille kodwa ngaphandle kwempumelelo. “Umnu. Maimane uzamile ukucenga uNkzn Zille ukuba axolise kodwa zange yenzeke lo nto,” kutsho uSelfe.

Ngaphambili uZille uwaphikisile amabango okuba zange avume ukuxolisa.

“Aziyonyani [iingxelo zikaMaimane] ezithi zange ndivume ukuxolisa, kuba ndaxolisa esidlangalaleni. Into endingayivumanga yile yokuba ndivume amatyala okuziphatha gwenxa, kuba ayikho lo nto,” utshilo uZille.

Inkqubo yokululekwa kukaZille iyaqala ngoLwesihlanu apho kulindeleke ukuba aziphendulele phambi kwesigqeba sikazwelonke seDA.