UZille wehlulakele ukubayinkokeli elinina elikhusela amanye amanina

Isigqeba somthetho esiphezulu sombutho weDemocratic Alliance, iFederal Legal Commission ixelele isigqeba sikazwelonke ukuba makubekwe amatyala amathathu kwilungu labo elikwindlu yowiso-mthetho wephondo leMpuma Koloni, uEdmund van Vuuren kwinyanga ephelileyo.

Oku kulandela isikhalazo somsebenzi wombutho weDemocratic Alliance okwaphaya kwindlu yowiso-mthetho eBhisho, othe uVan Vuuren umhlukumeze ngokwezesondo.

Esi siganeko silandela isininzi samabibi namanyundululu avela imihla nezolo kumalungu weDA, isininzi sawo esibonisa ukuba kuninzi ukuxhatshazwa kwamanina kwiDA, kodwa abaphetheyo abayiboni iyinto yokuqwalaselwa ngamandla leyo. Ukukhula kombutho kuyonwabisa iDA ngaphezu kokuhlola ukuba la malungu amatsha angenayo anako na ukuziphatha okanye ashiye kweminye imibutho ngenxa yokungakwazi ukuziphatha. Xa ukhula umbutho ziyakhula neziganeko.

Kwinyanga yoMdumba kunyaka wama-2008, uceba wombutho uCharles Standers, ongusodolophu woMasipala waseGeorge, wamangalelwa ngumfazi wakhe emtyhola ngokumbetha nokumxhaphaza ekhayeni.

Kwiziganeko ezithe zavelela iANC ezikumila kufanayo, iDA ngumbutho wokuqala ukuthi loo malungu abandakanyeka kwiziganeko ezinjalo, makanqunyanyiswe ngokukhawuleza. Kodwa kwiDA, ingakumbi ngoku bekuphethe inina uHelen Zille, kuthathwa icala lomhlukumezi, hayi elenina elihlukunyeziweyo. Izikhalazo ebezivela kwiANC neminye imibutho ephikisayo kumasipala waseGeorge zokuba makanqunyanyiswe uStanders ukuze kuthunyelwe ilizwi elingqingqwa ngokuphathwa kwamanina, iDA yala ukumnqumamisa, yakhetha ukuba makaxolise, aqhubeke nomsebenzi.

Bayiphindile lo nto xa ilungu labo kwindlu yowiso mthetho kwilizwe lonke, uArchibald Figlan wafunyaniswa enetyala lokuhlukumeza ngokwesondo owasetyhini emva kosuku loqhankqalazo eKapa. Kwabakho isikhalazo ngesohlwayo sikaFiglan sokubhatala iR12000, ebhatala iR1000 ngenyanga. Ukuphendula izikhalazo zabanye abangamalungu kwindlu yomthetho yezwe ngesi sohlwayo sincinane kangaka, usihlalo weFederal Council uJames Selfe wathi sanele.

Ezi ziganeko zibonisa ukunganyaniseki kweDemocratic Alliance xa isithi amalungu eANC anenkohlakalo nokungaziphathi kakuhle. Ukungaziphathi kakuhle kukho kuyo yonke indawo, akuyonto yeANC okanye yabantu abamnyama. UFiglan uselilungu leDemocratic Alliance, uStanders usengusodolophu waseGeorge noVuuren uselilungu lowiso-mthetho eNtshona Koloni.

Oonondaba beli lizwe banawo umkhethe kwiziganeko ezibandakanya amalungu eANC kunamalungu eminye imibutho afana neDA. Ngenyanga kaCanzibe kunyaka ka2015, intombazana engumsebenzi kwiDA, yathumela i-email esidlangalaleni ikhalaza ngokuxhatshazwa ngokwezesondo ziinkokheli zeDA ekuquka noMmusi Maimane.

Kwincwadi eyabhalwa phantsi kwegama ‘Tom Jefries’, umsebenzi weDA wathi ungomnye wamagqiyazana axhatshazwa ngamadoda azinkokheli zeDA. Kuloo ncwadi, lathi eligqiyazana kudala likhalaza kwabaphetheyo, kodwa iDA ikhusela amadoda ahlukumeza abafazi. Loo ncwadi yayityhola amalungu amaninzi eDA, amele iDA kwindlu yowiso-mthetho jikelele, kuquka uJames Wilmot, Athol Trollip noMmusi Maimane.

Akukho nondaba owayilandelayo le nyewe, yaphelela emoyeni, lwaqhubeka uxhatshazo loomama. Ukungahoyi kukaZille kwesi sikhalazo, esithi eli gqiyazana likhalazayo malize ngaphambili, ukuze lixhatshazwe ngakumbi, apho ngewazenzela olwakhe uphando kubo bonke abasebenzi abangoomama kwiDA, yabonisa ukungathatheli ngqalelo kwakhe izikhalazo nobomi bamalungu angoomama, into eyothusayo kuba iDA ibiphethwe ngumntu olinina ixesha elide.

I-DA ixesha elide ibingumbutho omncinane ongathathelwa ngqalelo, uqhutywa nguTony Leon eleqa umpondo-zihlanjiwe uThabo Mbeki. Bekunzima ukuba iDA ikhule ngelo xesha kuba iANC, kwabaphetheyo abaphezulu ibingenaziganeko zininzi zokuziphatha. Kubalulekile ukuba amanina angafani noZille, afune ukubanengqiqo yamadoda, ngokuba amanina azokuphoswa ngamandla anikwe amanina obuphatha-mandla, lawo ebekufanele ukuba asetyenziswa ukulwela amalungelo amanina.

Iindawo esisuka kuzo, iindawo zonke iinkokeli zemibutho ezisuka kuzo, zinempazamo ezifumaneka kuwo onke amalungu alo ndawo, kuquka neenkokeli zikaKhongolose neminye imibutho.

Amalungelo oomama asethubeni lokwandiswa nokukhuseleka xa kuphethe oomama. Yiyo lo nto impendulo kaZille kwisikhalazo somnye wabasebenzi beDA sokuxhatshazwa ngamadoda aphetheyo yothusa wonke umntu. Xa omnye wamanina ekhalaza kwelinye inina eliphetheyo ngempatho embi kumadoda aphetheyo, kufanele lo mphathi olinina asithathele phezulu eso sikhalazo.

UZille wehlulakele ukubayinkokeli elinina elikhusela amanye amanina. Akukho nenye indoda ekhokeleyo kwiDA ekhe yarhoxiswa emsebenzini okanye yasiwa kwindlu yomthetho ukuze ijongane noxhatshazo loomama.

Ukuziphatha kukaZille njengenina eliphetheyo aliwakhuthazi amanye amanina ukuba makalwele ukuphatha kwamanina ngokuba xa sele ephethe, ayawalibala amalungelo amanina nokuba kufuneka babonise ukuwathemba ngendlela abangathenjwa ngayo ngamadoda.

UZille wohlulakele.

Meokgo Matuba, nguNobhala-Jikelele weANC Womens League. Ezi zizimvo zakhe, hayi ezephepha.