Uzimanya ngeqhina lomtshato Nyan Nyan!

ULuyanda Potwana kunye nenzwakazi ethimbe intliziyo yakhe uNicola Nomnotho Zondo

Igama lomsasazi weNyan Nyan kwiSABC1, uLuyanda Potwana, alisafumaneki kwimarike yamasoka aseMzantsi nanjengoko intliziyo yakhe ithinjwe yintombi yaKwaZulu-Natal.

I’solezwe lesiXhosa live iindaba zokuba usapho lakwaPotwana belizimase umcimbi womembeso kaLuyanda nowakwakhe kuDisemba esisuka kuye.

Ezi ndaba zingqinwe nguPotwana buqu ngethuba ebuzwa liphephandaba I’solezwe lesiXhosa kule veki.

UPotwana uthi wadibana neli qobokazana kwisikhululo seenqwelomoya saseHeathrow, eLondon kwelaseNgilane.

Ubalisa uthi kwangoko nangoko wavele wayazi ukuba ufuna ukulenza isithandwa sakhe sanaphakade.

“Ngosuku odibana nondofanaye uvele wazi – ngokomoya nangokomphefumlo. Ndazi kwangoko ukuba nguye lo!

Nangona kusekutsha nje, kodwa ndisakholelwa ukuba ndifumene undofanaye !” kuncokola uPotwana.

Ngubani le nzwakazi iwelwe ngumqa esandleni?

Kuvakala ukuba nguNicola Nomnotho Zondo, igqiyazana laKwaCeza eThekwini.

UNicola kuthiwa ngudade bomsasazi kamabonakude uAnele Zondo.

Uhlala eNgilane nalapho asebenza khona njengeNzululwazi (Scientist).

UPotwana noZondo badibene kuMatshi wonyaka ophelileyo, kwiinyangana nje ezingephi emva koko, uPotwana wabe sele ethumela ilobola ekhayeni lentombi.

“Ndonwabile! Bendingatsho ndakuze nditshate. Umtshato ibingeyonto isengqondweni yam kule minyaka idlulileyo. Kodwa kwafika eli gqiyazana, kwatshintsha yonke into. Lundenza ndonwabe olu hambo lwam lutsha. Usapho lwam nalo lonwabile!

Ngomhla we27 kuJulayi 2019 ndathumela amaxhego amaNywabe (isiduko sikaPotwana) ayokucela intombi.

Nge28 kuDisemba 2019 ndabhatala ilobola ndabe sele ndisenza umembeso,” kubalisa uPotwana obengawuvali umlomo luncumo.

Umakoti kulindeleke azokutya utsiki ze aphiwe igama lokwenda kwaPotwana eNgqushwa ngoJuni.

Usuku lomtshato belingekacwangciswa nanjengoko esithi uPotwana “bafuna ibe lusuku olukhulu nolukhethekileyo kuba kuza kube kukho izihlobo zikamakoti ezisuka eNgilane nezikaPotwana zaseNigeria.”

Ezi ndaba ayizizo zodwa ezonwabise uPotwana nanjengoko inkqubo yakhe kamabonakude iNyan Nyan edlala kwiSABC1 ibonise ukukhula nangakumbi ngokwamanani njengenkqubo ebukelwa zizigidi ngezigidi zabantu.

Oku kuthetha ukuba uPotwana ngoyena msasazi obukelwayo eMzantsi Afrika.

INyan Nyan ibukelwa zizigidi ezingaphaya kwesine zabantu eMzantsi Afrika sithetha nje.

“Ndichulumancile! Oku kubonisa ukuba abantu boMzantsi Afrika bayayithanda le nkqubo. Ndingoyena msasazi ubukelwa kakhulu eMzantsi Afrika – ityendyana laseNgqushwa. Oku kubonisa ukuba amaphupha ayafezekiseka kwaye uThixo mkhulu!” kuphawula uPotwana.