Uzimele geqe uPinky Tsako

Umgqatswa onguzimele-geqe eTuku A eNgqushwa kumasipala wesithili saseAmathole, uPinky Tsako uthi kuzakushiyana oomama ukondla kulo nyulo loomasipala oluzayo.

Le nkosikazi ingenele olu lonyulo izimele emva kokutsiba ngaphandle kwenqwelo yeANC emva kokungoneliseki ziinkqubo zangaphakathi.

“Yinyani leyo ndizimele nangoku ngokukhuthazwa ngabahlali bale wadi ukuba ndenze njalo, kwaye ndiyakuxelela kuza kubanzima,” uthethe watsho uTsako.

Uthi uzame ukuvula zonke iingcango zeANC ezama ukuba kumanyelwe isikhalo sakhe emva kokuba engazange aphumelele ukutyunjwa ukuba abe nguceba.

“Ndibhalele eCalata House ndibaxelela ukuba indlela ekuqhutywe ngayo inkqubo yokutyunjwa kwabagqatswa ayikho mthethweni, ndigqithele kunobhala jikelele weANC uGwede Mantashe naye akancedanga,” uthethe watsho Tsako.

Ukanti unobhala wesithili sase- Amathole kwi ANC uTeris Ntutu uthethe egameni lombutho we ANC malunga neli nyathelo likaTsako.

“Kudala ehamba la mntu, usuka kwiCope ngo2008, ubuyele kwiANC ngo2009 nangoko wayezamile ukujijisana neANC akazange alunge akazukulunga nangoku,” uvungame watsho uNtutu.

Lo kaNtutu uthi akukho nto yothusayo ngokuzimela kukaTsako kuba ebehleli eyingcuka eyambethe ufele lwegusha.

UTsako uthi nguntemekwana lo kaNtutu kwezopolitiko akaziwa nokwaziwa ngabantu bala ndawo ahlala kuyo.

“Lo mntwana uyafika apha akazinto lusana layizolo eli, akaziwa nangaba bantu athi ubakhokele bambuza apha kum yonke imihla, kuba wazi la ndlu ahlala kuyo kuphela,” uthethe watsho uTsako.

Uthi wabuyela kwiANC emva kokucengwa kwangumbutho weANC, kodwa akanakunyamezela ubuqhetseba.

“Ndiyithanda kakhulu iANC kodwa asoze ndivumele ukubukela abantu abenza intando yabo betyeshela imigaqo nemimiselo yeANC,”utsho uTsako.

Le nkosikazi ithi baninzi kakhulu abantu abaxhasa iinzame zayo zokuba ingene njengenkokheli yengxaki zokuhlala.

“Ndizakubamba indibano enkulu kanye kula wadi yakwaWadi 5 ndifuna ukubonisa uNtombethemba Lawu ukuba ndingubani, ndiya kanye kula ndawo ahlala kuyo,” uthethe watsho uTsako.

Kwinyanga ephelileyo abahlali bala ndawo bameme bonke abo bazigqatsele ukuba ngooceba ukuba bezekuziphendulela kwimibuzo yabo nguTsako yedwa owaphumelelayo kulo ntlanganiso.

Ingxelo ithi, loka Tsako wabethwa ngevoti ngethuba kwakukhangelwa abo bazakungenela ukuba ngooceba.

Ukanti akafumanekanga uLawu ukuba enze ilizwi ngalo mcimbi.