ITSHANTLIZIYO kwanonozakuzaku weli eDenmark, uZindziswa Mandela, ufunyaniswe enentsholongwane yeKhorona emva kovavanyo, lutshilo usapho lwakhe.
UZondwa Mandela, unyana kaZindzi, uxelele ijelo leendaba iSABC News ngokuhlwa kwangoLwesithathu esithi: “Kuye kwaqhutywa iimvavanyo kwaye kufumaniseke ukuba unentsholongwane yeKhorona.”
UZondwa uthi usapho lusazilindile ezinye iziphumo zovavanyo ezithe zenziwa ukufumanisa ncakasana ngoyena nobangela wokubhubha kukaZindzi “ngesaquphe”.
UZindzi uza kungcwatyelwa kumadlaka aseFourways eRhawutini ngoLwesihlanu (17 kweyeKhala), kusuku phambi komhla wokuzalwa kukayise uNelson Mandela.
Libanjelwe isatifikethi sikaGrade 12 somgunyathi iGosa lezeMpilo