Uzingomba isifuba uMandilakhe Mpetukana owenze ezibukwayo kwiimviwo zika2024!

UMandilakhe Mpetukana ebefunda eHolly Cross, eMthatha. Umfanekiso: Abongile Ginya

Ootitshala, abazali, amagosa esebe lezemfundo neenkokeli zikaRhulumente zivuyisene nabantwaba bezikolo abagqwesileyo kwiimviwo zematriki zonyaka ka2024 emsithweni obumhle e’International Convention Centre, eMonti, izolo. Iphondo leMpuma Koloni livuyisene nabo bonke abantwana abapasileyo emva kokufumana iziphumo ezihle ezibe kumyinge ka84,9% ngo2024 ongaphezulu ku81,4% ka2023.

Phakathi kwabantwana abathe babeka iMpuma Koloni endaweni entle kukho indodana yaseMqanduli, egama linguMandilakhe Mpetukana obefunda kwisikolo ekuthiwa yiHolly Cross, eMthatha. Kwizinto azibhalileyo kunyaka ophelileyo, uMpetukana upase kakuhle ezisixhenxe (7 Distinctions) afumene ngaphezulu kuka90% kuzo zonke.

Umsebenzi omhle ubungqinwa ngamawonga ancanyathiselwe ebhatyini amchazayo ukuba uqhube kakuhle kweziphi izifundo phakathi enyakeni. Uvumile naye njengabaninzi ukuba bekungekho lula konke konke ukulungiselela iimviwo. Le ndedeba yelali yakuMancama ibalule umama wayo njengoyena mntu oyixhasileyo kakhulu ukuze izuze impumelelo.

“Bezikhona iingxaki endleleni – kodwa ndiphumelele,” utshilo uMpetukana ethetha nephephandaba lesiXhosa, I’solezwe lesiXhosa. Uthe ayikho into eyogqitha ukusebenza ngokuzimisela emva kokupasa izinto ezisixhenxe azibhalileyo ngaphezulu kuka90%.

“Akukho nto eyogqitha ukuzimisela. Nokuba ungakrelekrele – kodwa ukuba awuzimiselanga awuzupasa. Into endincedileyo ukuze ndizuze le nto inkulu kangaka kukwazi into endiyifunayo ebomini bam nalapho ndisuka khona ebomini bam.

“Ukuba uyalazi iphupha lakho nemigomo ozibeke yona, akukho nto engema endleleni yakho. Endaweni esihlala kuyo besinayo ingxaki yombane ocimayo, amanzi nezinye iingxaki ekhaya – kodwa ndifikile kule ndawo endikuyo ngoku,” utshilo uMpetukana olebele ngelithi uyazidla ngomsebenzi awanzileyo.

Uthe usalinde ukuphendulwa zizikolo abefake izicelo kuzo. Yena uzimisele ukwenza izifundo zomthetho xa engena kwiziko lemfundo ephakamileyo kulo nyaka.