Uzinikele kumapolisa otyholwa ngokubulala

Iyavela ngale ntsasa indoda enamashumi amabini anesixhenxe ubudala ethe yazinikezela ngokwayo kumapolisa aseDutywa ngentsasa yangoMgqibelo, ivela kwiinkundla zamatyala aseDutywa.

Ukuzinikezela kwayo kulandela emveni kokuba kuthe kwavela ingxabano phakathi kwesi sibini nesingootshomi kwilali yaseWilo eNgcingwane eDutywa.

Ixhoba liye lahlatywa ngugxa walo neliye lampompoza igazi ixesha elide.Libalekiselwe kwiklinikhi yaseDutywa nabhubhele esesendleleni engenayo. Ixhoba elahlatywa kumzimba ongentla igama lalo nguLuxolo Mdodana onamashumi amathandathu eminyaka ubudala.

Umrhanelwa lo uzakuvela unamashumi amabini anesixhenxe ubudala uyavela ngale ntsasa.