Uziphilisa ngokukhelela abantu isinuka

“Ndashiya ikhaya ngenxa yokunqaba komsebenzi ndazokuhlala apha eSinuka,” utsho uMzoxolo Mpinda noneminyaka engamashumi amahlanu anesithathu ubudala.

Lo kaMpinda uxelele I’solezwe ukuba uneminyaka engaphezu kwamashumi amabini ehlala eSinuka kuba efuna amathuba omsebenzi.

“Kunzima umsebenzi awukho kodwa ndaqonda ukuba mandize apha kuba ndinethemba lokuba ikhona into endiza kuyifumana, ngenene ndayifumana kuba ke ukoyika okanye ubuvila babantu buyandityisa,” utshilo uMpinda.

Watsho esithi abantu abaninzi abathi bahambele le ndawo bayoyika ukungena ngaphantsi komqolomba bakhe udaka lwesinuka, kanti abanye abakwazi ukunyuka amanzi ukuyofikelela apho kufumaneka khona Isinuka.

“Abantu abasuka komaCofimvaba, Monti, Bhayi bayoyika kakhulu, ngabo ke abaye basicele ze basinike lo nto babona isifanele.” utshilo uMpinda.

Ebuzwa ukuba babhatalisa njani isinuka kuba ukhona umbhalo othi “Isinuka asithengiswa,” uphendule wathi nabo abasithengisi qha banikwa lo nto incinane.

“Imali esiyinikwayo asiyomali yeSinuka kodwa yeyokuba singena kula mqolomba unodaka bawoyikayo kanye nokonyuka intaba sisiya phezulu ukuyobakhelela amanzi, sona asithengiswa nyhani,” utshilo uMpinda.

Ebuzwa ngeso asigalele ezibhotileni uthe ababhatalisi Sinuka kodwa amandla.

“Umntu usinika loo mali afuna ukusinika yona kodwa ke siye sithi makajonge umqolomba lo singena kuwo kuba iyafana ingathi singena emgodini kuba singena siqhubeke siye apho kumnyama khona ukuze bafumane isinuka esi,” utshilo uMpinda.

AsingoMpinda yedwa ohlala eSinuka nanjengoko I’solezwe lidibene negqirha elihlala kule ndawo nelisuka eThekwini.

“Ndineminyaka mine ndihlala apha kwaye andizimiselanga kuhamba kuba umsebenzi wam ulapha.

“Ndaqala ukuyibona le ndawo ngethuba siyihambele njengamagqirha sisuka eThekwini ndavele ndaphila ndakhanyiseleka nazizinto zam, kulapho ndathatha khona isigqibo sokuba ndithuthe ndizokuhlala apha.”

Esi sangoma siqhube sathi abantu baphatha izinto zokukha isinuka, kulapho bathi bancede.

“Mna ke ndiye ndincede ngaphandle kokujonga imali kodwa xa kukhona umntu ondinikayo ndiyayithatha,” litshilo igqirha.

Isinuka yindawo ekude kufutshane nedolophu yaseSajonisi nethi ihanjelwe ngabantu abasuka kwiindawo ngendawo. Uninzi luya kuba lukholelwa ukuba udaka kunye neSinuka esiselwayo sinceda ukucoca abo banolusu olubi.

Kule ndawo kukwakho nendawo apho banengxaki yeenyawo ezibuhlungu, intloko kunye nezinye iindawo bafika bazithobe kuyo ukufumana umoya onevicks othi uphume phantsi kwelitye. UMpinda uxelele I’solezwe ukuba amanzi aseSinuka ayatshintsha rhoqo emva kweminyaka emithathu.

“Uyabona ezi mvula zinkulu bezikhona nezishiye abantu bengenazindlu bekutshintsha isinuka ela xesha, kwaye rhoqo siza kutshintsha kubakhona iimvula ezilolwa hlobo,” utshilo uMpinda.

Kunyaka ophelileyo amanzi asesinuka ebebomvu kanti kwiminyaka emithathu ayengathi anombala oluhlaza njengokuba ngoku engathi amdaka.