Uziqhalele olunenkuma wabetha intombi kaNcobo, enye eyithuka ngokuthengisa umzimba

Umonzakalo kwintombi kaNcobo ebethwe ligosa elisebenza kwiOfisi yeNkulumbuso uOscar Mabuyane UMFANEKISO: Ace Ncobo/ Facebook

“UYANDAZI ukuba ndingubani? Mhlawumbi uthengise umzimba wakho ukuze ufumane kwa noku kutya [kukaMcDonald’s]”


La ngamanye wamabango aqulathwe kokubhalwe phantsi kuFacebook kasomashishini kwanengcaphephe kwimiba yebhola ekhatywayo, uAce Ncobo, emva kwamarhe okunkulwa kanobom komntwana wakhe, intombi ekwishumi elinesibhozo, inkulwa ligosa eliphezulu elisebenza kwiOfisi yeNkulumbuso uOscar Mabuyane, ze enye yathukwa ngokuthengisa umzimba, eMonti ngentseni yangeCawe.

Eli gosa, esingenakulibiza ngagama okwangoku, kucaca ukuba belinengxwabangxwaba nabasebenzi bendawo ethengisa ukutya, iMcDonald’s, eBeacon Bay babe abantwana bakaNcobo befole ngemoto emva kweli gosa nabahlobo balo.

Iingxelo zithi abantwana bakaNcobo baqonde ukuba mabayokuzithathela ii-odolo zabo zokutya kuba bebona uludwe lweemoto lumile. Xa besiya kuthatha ukutya kwabo kubangwa ngelithi eli gosa liye labangqinga, kwaqala apho ukutshintshiselwana ngamazwi.

Kulapho eli gosa ekuvakala ukuba belitshayinta libuza abantwana bakaNcobo ukuba bayayazi na ukuba bagagene nabani, nto leyo eye yakhokelela ekubethweni komnye wabantwana bakaNcobo logama enye intombi, ekwiminyaka elishumi elinesithandathu, kuvakala ukuba ithukwe kwaleli gosa ngelithi mhlawumbi ithengise umzimba ukuze ifumane kwalo nyhweba yoko kutya kusemgangathweni.

Esi sehlo sidale ingxokolo kumakhasi onxibelelwano. 

UNcobo ubhale kuFacebook wakhe ngoMvulo esithi ebezimisele ukuhlala phantsi nentombi yakhe ukuze “incame” ukuvula ityala emapoliseni endaweni yoko kufundiswe eli gosa isifundo sokuxakathiswa owona msebenzi wakhe wamkhulu wokuba ngukhala kwimiba echaphazela uxhatshazo lwamakhosikazi.

“Bendifuna ukurhwebesha iNkulumbuso ukuba imsuse kwisikhundla sakhe [eli gosa]. Bendiza kucebisa iNkulumbuso ukuze iseke iOfisi ekhethekileyo yokujongana nengxubakaxaka yoDushe oluJoliswe kwiSini (Gender-Based Violence) phaya phakathi kwiOfisi yeNkulumbuso ukuze ikhokelwe nguMphathiswa wephondo woPhuhliso loLuntu.

“Bendifuna ukucebisa iNkulumbuso ixakathise [eli gosa] ukuze inombolo yayo yasesinqeni inikwe amaxhoba oDushe oluJoliswe kwiSini ukuze abike kulo xa engafumani luncedo emapoliseni, kwezobulungisa nakwezempilo. Bendifuna afumane iminxeba yamakhosikazi adandathekileyo kwanangentsimbi yesibini kusasa,” utshilo uNcobo.

Kodwa konke oko kuye kwatshabalala, kutsho uNcobo, xa eli gosa lingqale kumapolisa aseBeacon Bay layokuvula ityala lisithi libethwe yintombi kaNcobo.

UNcobo ukwathe eli gosa likwambhalele lisithi “Bhut’Ace if I had known that she’s your daughter…[ukuba bendiyazile ukuba yintombi yakho]”, esi sehlo ngesingenzekanga.

UMabuyane uthi ulicele ukuba lithi gu bucala kumsebenzi walo eli gosa logama amapolisa eqhuba uphando.

“NjengeOfisi yeNkulumbuso siza kuqhuba uphando lwethu lwangaphakathi ukuze sifumane onke amabanda ngokwalamarhe ukunceda ukufikelela kwisigqibo esisiso.

 “NjengeNkulumbuso, la marhe ndiwathathele ingqalelo kakhulu. Ndiyazinikela ukuba lo umba asoze ndifihle ntloko esantini ngawo kuba imibandela yodushe olujoliswe kwisini itya ilizwe,” utshilo uMabuyane.

Kusenjalo, zithe gqolo ukuphuma nkalwana zonke izankxwe ngalo mba, uninzi lukhalimela esi sehlo. Intombi kaNcobo ilivulile ityala emapoliseni.