UZodwa Wabantu namathanga akhe

UZodwa Wabantu ngethuba kuqhutywa umdyarho wamahashe nowaziwa ngeVodacom Durban July umfanekiso: Motshwari Mofokeng/ ANA Pictures

Sonke siyayazi ndlela le bageza ngayo abantwana besikolo. Elowo unalo ibalana lakhe lokugezelwa ngabanye abantwana esikolweni ngokuya sasisakhula.

Isimanga ke sesi sokuba esi sigezo mvanje sikhona nakubantu esicinga ukuba badala. Umzekelo, esikolweni sasigezelana ngobubi, ngokutyeba, ngokuhleleleka, njalo njalo; kodwa ngoku sisibona esi simbo sibi sigquba nangoku sesibadala. Mhlawumbi uyazibuza nangoku ukuba uDee Lukes uthetha ngantoni, mandikhe ndikutyebisele.

Siphuma kwimpela-veki yemidyarho yamahashe eThekwini, nobizwa ngokuthi yiDurban July. Xa ke ileli xesha lonyaka siye sichwayite ngokuba sizakubona ukuba oosaziwayo nabathandi bezinto bazakube benxibe ntoni na kwesi sici. Sithe sisabuka loo mifanekiso yabantu abaswenkileyo kulo mnyhadala, umdla wethu wathatyathwa yindlela inkosazana ebizwa ngokuba nguZodwa Wabantu ebinxibe ngayo. Ukuba awumazi uZodwa Wabantu ukuba ngubani, makhe ndikutyebisele nje umzuzwana.

UZodwa Wabantu lo, nogama lakhe lokwenyani lingu Zodwa Rebecca Libram, uye waduma ngendlela anxiba ngayo xa eye kwindawo yokonwaba eseMlazi ekuthiwa kuseYadini. Iyadi le inekhasi elithandwa kakhulu pha kuFacebook, apho kuxhonywe khona imifanekiso yabantu abazonwabisa khona. UZodwa yena uye wangumtsalane ngenxa yendlela adanisa ngayo, kunye nokuba engayinxibi impahla yangaphantsi kwezo lokhwe zakhe zimfutshane. Ebekade engaziwa ke ukuba ungubani, wabe edume nje ngokuba uyila ntombazana inxiba iilokhwe ezimfutshane idanisayo pha eYadini. Iye yathiywa ke kwathiwa nguZodwa Wabantu. Kuba ke usisi lo ebesenza into engaqhelekanga, uye wafumana ukugwetywa ngabaninzi ngale ndlela ayiyo. Masimke ke apho, sibuyele kule yalo myhadala weDurban July.

Intomb’enkulu ibinxibe omnye umsiko welokhwe emnyama, abe ke amathanga ephandle, enganxibanga nkciyo ke njengesiqhelo. Yiyeke ke leyo, eyona nto iye yangundaba-mlonyeni, iye yangala mathanga akhe anezinxonxo, eza nto kuthiwa ngamathuthuva ngesiXhosa. Bendingayazi ukuba abantu abanantliziyo ngolu hlobo, bade batyabeke umntwana wabantu ngezenyeliso ngenxa yamathuthuva. Kuse-Afrika apha, kwaye uninzi lwethu alubhityanga luzityebele nje kamnandi. Siye ke sancitshiswa iingqondo ngala maMelika siwaboniswa kumabonakude abhitye mpela.

Sekutheni ngoku sisisizwe sizakwenza ingxolo engaka ngomzimba womnye umntu? Ingaba siphelelwe zizinto zokwenza ebomini bethu le nto sizakube sigezelana nomnye umntu ngamathuthuva akhe? Iyathanda ke ukuba yile genge inemizimba ehlebisayo yona kuqala le ihambe igezela abanye ngeziphako zabo. Kunini saqubha elwandle sihamba ngezisu zethu ezikhulu nezijingayo ezineminyama, sikhe sagezelwa ngubani?

Ngoku kutheni xa uZodwa ezakuhamba ngamathanga akhe, nokuba anjani, izakuba yingxaki nje. Masiyiyekeni le nto yokunkqangisana ngenxa yeziphako ezikwimizimba yethu, bubukrwada obuphinda-phindeneyo obo.

Ndiyayithanda ke impendulo kamaZodwana kuso sonke esi sigezo senziwayo ngaye, ithi le nkosazana yona yenza le nto ithandwe yiyo, kwaye le nto iyenzela nabanye abantu basetyhini khona ukuze nabo bangabina zintloni ngemizimba yabo nokuba injani na.

Eyona nto mna indikhathazileyo kuyo yonke le nto yeyokuba uninzi lwaba bantu bebegezela uZodwa ngabantu basetyhini. Kutheni bantu basetyhini nivisana kabuhlungu kangaka ngezinto enizaziyo ukuba nonke nilwana nazo nje? Nonke nilwa imfazwe yeminyama, amathuthuva, kunye nezipejeje. Kutheni ngoku nizakungcolelana xa omnye eqonda ukuba uzakuzidla ngomzimba wakhe neziphako zawo?

Mna ndithi, khanya Zodwa khanya, zidle wena ntombi ka nantsi ngomzimba wakho nokuba unjani na. Kukho intetho yesiXhosa ethi akukho nzwana ingenasiphako, lo nto ithetha ukuthi akekho kuthi sonke ogqibeleleyo. Yonwaba kule ndawo ukuyo, zidle ngobunto bakho. Yekani ukugezelana ngemizimba yenu, iyawuxhela umphefumlo lo nto.