Uzokwenza intetho yeNCOP eMonti uZuma

Umongameli weli uJacob Zuma, ecaleni kosekela mongameli uCyril ramaphosa, Ngasemva sisabhokwe seANC ePalamente ujackson Mthembu namanye amalungu ePalamente.

Umongameli weli uJacob Zuma uzokwenza intetho yakhe yonyaka yebhunga lamaphondo i(National Council of Provinces) eMonti ngoLwesihlanu. 


Le nkqubo yinxalenye yomsebenzi weli bhunga ngenjongo yokusa iPalamente ebantwini beMpuma Koloni. Inkqubo yokusiwa kwePalamente eluntwini kweli yaqala ngonyaka ka-2002 ngenjongo zokunika abantu ithuba lokuvelisa izimvo zabo ngemicimbi eyahlukileyo. 


Amalungu ePalamente akwasebenzisa elithuba ukuqwalasela inkqubo zophuhliso zikarhulumente komasipala abahlukileyo.

 

Usomlomo wendlu yebhunga lamaphondo uThandi Modise ukhokele igqiza lePalamente likazwelonke ngelokuqalisa inkqubo yokumanyelwa kwezimvo zabantu abahlala kumasipala waseBuffalo City. 


Urhulumente ukhangela indlela zokuphucula intsebenziswano noomasipala, kumaphondo nakwinkqubo zikarhulumente kazwelonke. 


Amagosa aphezulu kurhulumente weli phondo aquka inkulumbuso uPhumulo Masualle kunye nabaphathiswa abahlukileyo.