Uzoyisile iinzingo zentolongo yaseThailand uNolubabalo Nobanda

UNolubabalo Nobanda kunye nomama wakhe uHonjiswa Ncepu kutyelelo lokugqibela eThailand ngo2015 UMFANEKISO: Uthunyelwe

UNolubabalo “Babsie” Nobanda waseRhini sele kumbovu ukuba abuyele ekhaya eMzantsi Afrika ephethe isidanga kwezonxibelelwano emva kokugqiba iminyaka esixhenxe kwintolongo yaseBangkok eThailand.

Le nzwakazi yoyise iinzima, iinzingo nosizi lasentolongweni kwela lizwe, yaziqaqambisa ngokufunda yaphumelela isidanga kwezonxibelelwano kwiyunivesithi yoMzantsi Afrika.

UNobanda wabanjwa wavalelwa ngo2011 emva kokubhaqwa ethwele ezinweleni zakhe imfidi yeziyobisi zohlobo lwe-cocaine ezazibunzima buyi 1.5 yeekhilogrem.

I’solezwe lincokole nomama kaNobanda, uHonjiswa Ncepu, ngendlela aziva ngayo.

“Besimlindele kwinyanga ephelileyo, kuye kwabakho ukubambezeleka kuba kubhubhe ikumkani yela lizwe laseThailand,” uthethe watsho uNcepu.

Ingxelo ithi iKumkani yelizwe laseThailand ikhulula amabanjwa asele efince umyinge othile wesigwebo rhoqo ngomhla wokuzalwa kwayo.

UKumkani uBhumibol Adulyadez ubhubhe ngeyeDwarha ngo2016, waza umzimba wakhe watshiswa ngeyeDwarha ngo2017.

“Siyavuya kuba uNolubabalo ukwazile ukoyisa zonke iingxaki ebedibana nazo, wafunda ebunzimeni, wajika wayinkuthazo kwamanye amabanjwa kweli loMzantsi Afrika,” kutsho uNcepu.

UNobanda uvumbulule iimbovane ngethuba egxeka, egxibha ukusilela korhulumente ukwenza iinzame zokuthathwa kwamabanjwa weli kumazwe angaphandle, ukuze aze kugqibezela izigwebo eMzantsi Afrika.

Kwincwadi yakhe ebeyibhalile ngeyeThupha ngo2015 uNobanda wathi: “Okona ndikucelayo kukuba ndifumane ithuba ndidontse eli xesha lesigwebo sam eMzantsi Afrika, kungenziwa oku ngesivumelwano phakathi korhulumente woMzantsi Afrika nelizwe laseThailand,” watsho uNobanda.

Ethetha ngentombi yakhe uNcepu, uthi urhulumente woMzantsi Afrika wavala iindlebe ngakwesi sicelo.

“Akukho ofisi singahambanga kuyo, sicela ukuba abuyele eMzantsi Afrika aze kudontsa isigwebo sakhe, akukho ofisi karhulumente eyakhe yasimamela,” utsho uNcepu.

ISebe lezangaPhandle kweli kunyaka ophelileyo likhuphe ingxelo yokuba bangaphezu kwamakhulu alithoba abantu beli abadontsa izigwebo kumazwe angaphandle.

“Baninzi abantwana beli abaphaya kula ntolongo, bonke bandixelela ukuba uNolubabalo uyinkuthazo emandla kubo ngendlela ezininzi, bathi uyakwazi ukuthetha ulwimi lwaphaya, lo nto yenza akwazi ukuxoxa namagosa entolongo,” kutsho uNcepu.

Othethe egameni leSebe lezangaPhandle, uNelson Kgwete, uthi ikho indima abayidlalayo ukukhusela abo babanjwe kumazwe angaphandle.

“Ngokwesivumelwano seVienna Convention ka1963 siyabancedisa ngokuqinisekisa ukuba abaxhatshazwa, bayakhuseleka ezintolongweni abavalelwe kuzo,” utshilo.

Bambi kubo bosulelwa zizifo ezifana nentsholongwane kagawulayo nesandulela-ntsholongwane, kwaye kwezinye iintolongo alukho uncedo.