UZozi unqwenela umsitho kaMiss Universe ube kweli!

Egaleleka eMthatha uZozibini Tunzi onguMiss Universe okukuqala kususela oko wathweswa isithsaba sikaMiss Universe IMIFANEKISO: BHEKI RADEBE

Unobuhle ogqwesileyo, nothwele isithsaba sikaMiss Universe uZozibini Tunzi, uthi ayamvuyisa amarhe okuba ukhuphiswano olulandelayo likaMiss Universe lingabanjelwa kweli loMzantsi Afrika.

Le nzwakazi yaseMaTolweni ikuthethe oku kumsitho wokuyamkela ekhaya nobubanjelwe kumabala emidlalo aseMthatha.

Ubuyele ekhaya okokuqala emva kokulishiya eli eyokumela uMzantsi Afrika kukhuphiswano lukaMiss Universe nathe waliphumelela.

Esothula intetho yakhe kwinginginya yabantu ebebezimase lo msitho wokumamkela, uthe angakuvuyela ukunikela ngesi sithsaba kulowo aya kuthi aphumelele ekwikhaya lakhe, ngokwelizwe lokuzalwa, nto leyo athe ingakhuthaza abaninzi.

Uthethe wathi: “Ndifuna sibambisane ekugayeni inkxaso ukuze ngokwenene olu khuphiswano libanjelwe kweli. Ndinomnqweno wokunikezela ngesi sithsaba sam apha ekhaya phambi kwabemi beli, khon’ ukuze abantwana abaselula bayibonele kufuphi impumelelo hayi kumabonakude, kwaye babone ukuba kuyenzeka amaphupha ayafezekiswa. Kubalulekile ukuzithemba nokuthemba amaphupha. Kusenokwenzeka ukuba elakho iphupha alingoonobuhle, lingenye into kodwa ngokubona izinto zisenzeka siyakwazi ukuthemba nokuqala ufezekisa amaphupha ethu.”

Ukwathe ufuna ukuba ngumzekelo kulutsha loMzantsi Afrika, kwaye uza kuqalisa iphulo lakhe lokuxhobisa abafundi abaselula.

Ukwatyelele isikolo awayefunda kuso iCanaan Academy eDutywa nalapho achithe ixesha nabafundi njengenxalenye yeli phulo.

Le ntwazana yakwaTunzi ithi wonke umntu angafumana inkuthazo kwimpumelelo yayo. Uthe isithsaba sikaMiss Universe singumzekelo wokuba impumelelo ayikhethe bani.

“Xa bendibuza ukuba ukuphumelela uMiss Universe kuthetha ntoni, impendulo yam ithi impumelelo ayinamkhethe, kuba xa ubona mna ubona wena, utsho ukwazi ukuzimisela ulwele impumelelo yamaphupha akho,” uthethe watsho.

Lo msitho ubuququzelelwe nguMasipala wesithili iOR Tambo, njengoko ikhaya likaZozibini eliseSidwadweni kuTsolo liphantsi kwesi sithili.

Ngethuba efika kumabala aseMthatha uxhagwe ngabazali bakhe uyise uLungisa Tunzi nonina uPhiliswa Nadaphu.

Kwintetho ayenze kulo msitho, uLungisa uncome intombi yakhe ngokuthobeka nokuthanda abantu.

Uhlabe ikhwelo kurhulumente weli nakwabezoshishino ukuba banike uZozibini inkxaso ayidingayo khonukuze ancede isininzi sifezekise amaphupha.

Ukanti unina wenze umbulelo kubemi beli nakoPhezulu. Abazali bakaZozibini baculele loo nginginya ingoma yombulelo kuSomandla.

Lo msitho ubuzinyaswe ngabaphathiswa abaquka oweMicimbi yeNgqesho uThulas Nxesi, uSekela Mphathiswa wezeMidlalo, ubuGcisa, neNkcubeko uNocawe Mafu, uMphathiswa kweli phondo uFezeka Bayeni kwakunye neKumkani yamaMpondomise uKumkani Zwelozuko, nengekabekwa ngokusesikweni.

Le kumkani ithethe yathi: “Siziva sinelunda ngonyaka ka2019 ngenxa kaZozibini, kuba nathi emva kweminyaka elikhulu elinesithandathu sibuyiselwe ubukumkani bethu.