UZozi uza kwamkelwa ngomzobo xa efika ekhaya

UThuso Pharela ezoba uMiss Universe

ABANYE nje bexakeke ngumfanekiso kaZozibini Tunzi ozotywe yindoda engumzobi eyaziwa njengoRasta, edume kumaqonga onxibelelwano ngokuhlala ibeth’ ecaleni xa izoba oosaziwayo, yena umzobi waseMpuma Koloni ongumfundi kwiYunivesithi yaseFort Hare sele elungele ukubonisa uZozi umfanekiso awenzileyo.

 

UThuso Pharela, 25, uza kube eyinxalenye yenginginya eza kube isamkela uZozi xa esithi cakatha ekhayeni lakhe kuTsolo okokuqala emva kokuphumelela intshinga kaMiss Universe kuDisemba wonyaka ophelileyo.

 

UPharela, ongumfundi okunyaka wesine kwizifundo zoMthetho, uthi uthe akuva ukuba uZozi uza kubuyela ekhaya, wabona ukuba “lixesha elifanelekileyo ukumzoba ngelibonisa intlonipho emva kwempumelelo yakhe.”

 

Lo mfanekiso, oqalwe ezinzulwini zobusuku ngoLwesithathu kule veki, sele ulungele ukunikezelwa ngqo kule nzwakazi yaseSidwadweni ngomso (Cawe) xa ifika elalini yayo.

 

UZozi ugaleleke eMzantsi Afrika namhlanje, nalapho amkelwe ngochulumanco luluntu ebeliquka abaphathiswa nezitatanyiswa zaseburhulumenteni kwisikhululo samazwe ngamazwe iOR Tambo eRhawutini. 

 

UPharela, okhulele kwiilali zaseUgie eMpuma Koloni, sele enze imizobo yoosaziwayo abafana noKwesta kwakunye nomdlali wombhoxo uMakazole Mapimpi – asele wayinekezela kubo ngokusesikweni. 

 

Uthi uzoba abo bathobekileyo, bazimiseleyo ngomsebenzi wabo nabenza umohluko eluntwini.