UZuma Akayi Ndawo

Uphume etshaya kwakhona uMsholozi kaNxamalala emva kovoto oluyimfihlo ePalamente ngoLwesibini.

Iinkokeli eziphezulu ze-ANC zikhokelwa ngunobhala jikelele uGwede Mantashe, kuye kwanyanzeleka ziye eKapa ngelizama ukuqinisekisa ukuba amalungu wombutho wakhe ayaluphikisa uvoto olumthandabuzayo umongameli Jacob Zuma.

Amalungu ePalamente avotele ekhusini emva kwesigqibo esathathwa ngusomlomo wendlu yowiso-mthetho – uBaleka Mbete.

Emva kovoto nobalo, isiphakamiso seqela eliphikisayo sokungabuthembi ubunkokeli bukamongameli siye sawa phantsi. Amalungu we-ANC amkhusele umongameli wawo ngokuyimpumelelo. Kwiivoti ezingamakhulu amathathu namashumi asibhozo anesine (384).

Abantu abavotele uZuma likhulu namashumi alithoba nesibhozo (198), bona abavotele ukuhamba kwakhe ibelikhulu amashumi asixhenxe nesixhenxe (177) bona abagqibe kwelokuba bangavoti balithoba. Okuthe kwabonaka kweli tyeli lesibhozo kuvotelwa ukungathenjwa kobunkokeli bukaZuma kubonakele elubala ukuba kukho inani elivisayo lamalungu we-ANC ancedise amaqela aphikisayo.

Lo nto ithetha ukuthi nangona yena umongameli evotelwe sisininzi – kodwa kukho ukungaboni ngasonye ngeembono okanye ngesikhokelo sakhe embuthweni. Phambi kovoto amalungu wombutho olawulayo ayibone le nto njengecebo lokuwususa elulawulweni.

Ngenxa yeengxaki ezingaphakathi – iinkokeli ezifana noMantashe noJackson Mthembu bezingaluxhasi uvoto oluyimfihlo kuba zisithi lo nto izakwenza abantu abavotele umbutho bangaboni ukuba ngoobani abaphise ngamandla.

Zimbini izinto ezithe zabaluleka kolu voto. Ukubamba ngokuyimpumelelo uvoto oluthandabuza isikhokelo sikamongameli yiPalamente kubalulekile ngoba lo nto yinxalenye yeenkqubo zelizwe ezisemthethweni ezisetyenziswayo.

Okwesibini; isigqibo sikasomlomo sokubamba uvoto olusekhusini, nangona ibiqala lo nto, yinto ebifanelekile ngoba kuyo yonke into kufuneka ubomi babantu bungabekwa esichengeni.

Amaqela aphikisayo avuyela umqela awenzileyo kwipolitiki yelizwe nokuvakala kwawo kumalungu we-ANC.