UZuma-Sambudla unguSihlalo wePAP

UDuduzile Zuma-Sambudla weMK Party wonyulwe njengoSihlalo omtsha wePan African Parliament (PAP). UMFANEKISO: DZumaSambudla/X

Unyulwe njengoSihlalo wePan African Parliament (PAP) omtsha uDuduzile Zuma-Sambudla woMkhonto WeSizwe Party (MK Party) kwindibano yale palamente ibibanjwe ekuqaleni kwale veki.

I-PAP ibibambe indibano yayo ngoMvulo wale veki nalapho wonyulwe khona uZuma-Sambudla ekunye noVuyani Pambo we-EFF, Mergan Chetty weDemocratic Alliance kwakunye noMdumiseni Ntuli weANC.

La palamente iqhuba iingxoxo zayo zokukhangela iindlela eziqhuba ngayo izinto kwiAfrican Union. Kulindeleke ukuba le ndibano ivalwe ngomhla weshumi elinesihlanu kule nyanga.

UMongameli we-EFF uJulius Malema wakhe walifumana ithuba lokuba abambe njengelungu lale palamente.

Othethe egameni leMK Party, uNhlamulo Ndhlela, uthi bayazamkela kwaye ziyabavuyisa iindaba zokutyunjwa kukaZuma-Sambudla kwesi sikhundla.

UZuma-Sambudla uza kuba nguSihlalo wegqiza elimele amazantsi weAfrika kwiPAP.