UBUNGACINGA ukuba yindibano yombutho we-ANC imibhiyozo yosuku lwenkululeko ebibanjelwe kumabala emidlalo eseGiyani kwelaseLimpopo.
Bekugcwele imibala kaKhongolose ngelibhiyozela iminyaka engamashumi amabini anesibini ukusuela oko eloMzantsi Afrika lathi laphantsi korhulumente wentando yesininzi.
Umongameli weli uJacob Zuma nowothule intetho yolu suku ulumkise abo basebenzisa amazwi arhabaxa begrogrisa inkululeko yeli.
UZuma uthe bajongela phantsi inkululeko yoMzantsi Afrika abo batshabalalisa izinto ezisisiseko ezakhiwe kurhulumente kule minyaka idlulileyo. Ugxile abasebenzi bakwaSithebe KwaZulu Natala abatshise iziko lemveliso kuba ngenjongo yokudlulisa izikhalazo.
“Nithi masiwakhangele njani amathuba engqesho xa niphinda nitshabalalisa imizi mveliso?” Ubuze watsho uZuma.
Ukwathe, “Izikolo, iikliniki, amathala eencwadi kwakunye noololiwe bakhelwe ukunikeza iinkonzo eluntwini, iyasothusa ukubona kukho abantu abatshabalalisa ezi nkonzo.”
Ugxibhe inkokeli ye-EFF uJulius Malema, engambizanga ngagama esithi, “Kukho abaqhwaya udushe kuba oko kubanika udumo kwezopolitiko. Sisebenze nzima ukwakha eli lizwe, ngoko ke kufanele sikukhusele oko sikwenzileyo, singabavumeli abo bafuna ukuchitha.”
Kwiveki ephelileyo, uMalema uxelele ijelo leendaba iAl Jazeera ukuba iEFF izakuluthathela kulo ulawulo lweli ngembumbulu. Kunjoku nje ibutho leeHawks liphanda izityholo zobhukuqo mbuso ngakuMalema.
Nomphathiswa wezobugcisa nenkcubeko kweli, uNathi Mthethwa ubongoze abo bebekulo msitho ukuba bakhusele ulawulo lorhulumente osezintanjeni, lingalahlekiswa ngabo bafuna iindlela ezimfutshane zeevoti zokungamthembi uZuma njengomongameli.
UZuma ubongoze uluntu lweli ukuba liphume ngobuninzi balo liyovota ngomhla wesithathu kaAgasti, xa eloMzantsi Afrika lizakube lisingathe unyulo loo- rhulumente boomasipala.
Uthe, “Urhulumente wasekuhlaleni lurhulumento lomntu wonke.”
Uncome uluntu lwaseLimpopo ngendima eliyidlalileyo ekunqandeni ubhubhane wexesha lokuya kwamakhwenkwe esuthwini.
UZuma ubongoze intsebenziswano kwisebe elijongene nemicimbi yemveli, kumapolisa neGunyabantu lezotshutshiso ngelithi makuqinisekiswe ukuba akukho mntu uzakubhubha ngexesha lolwaluko.
Kuluntu lwaseGiyani uZuma ubalule impumelelo yephulo likaSiyahlola elasungulwa yi-ofisi kamongameli ngenjongo yokuhlangabezana nokunqaba kwamanzi kwakunye nogutyulo lwelindle.
Umhlalutyi wezopolitiko kweli USteven Friedman uthe, akukho nto intsha ivele kwintetho kamongameli Zuma.
UFriedman uthe, “Urhulumente kudala ethetha ngemisebenzi kodwa akade adale misebenzi efunwa luluntu lweli kuba uqoqosho loMzantsi Afrika ligxile kwindawo enye.
Into eyohlula urhulumente kukuqinisekisa ukuba uluntu lushishina kwiindawo elihlala kuzo nokwenza ukuba inkonzo yezothutho ibelula kubantu ukuze bafikelele emisebenzini, abo bashishinayo bakwazi ukufikelela kwiindawo abathengisa kuzo, ukuze benze ingeniso.”
UVilakazi usola usompempe ngokuphuma kwaMaZulu kwiNedbank Cup