Ulwaphulo mthetho nokuthengiswa kweziyobisi kuxakile eKapa,oku kuthethwe nguMongameli weli lizwe, uJacob Zuma, ngethuba etyelele isikhulo saseNyanga engazixelanga ukuba uyeza.
Ingxelo ithi umongameli uthembise inguqu enkulu kwesi sikhululo nesisesona sinezinga eliphezulu lokubulawa kwabantu kuMzantsi Afrika.
UZuma ugaleleke kwesi sikhululo ephelekwe ngamagosa aphezulu esipoliseni eNtshona Koloni, ngelizama ukukhangela ukuba kwenzeka ntoni kweli ziko.
Olu tyelelo luza emva kokuba abakwaStatistics South Africa bedize ukuba abantu boMzantsi Afrika baziva bengakhuselekanga ngenxa yolwaphulo-mthetho oluxakileyo.
Le ngxelo ithi ngamashumi amane ananye wabantu beli lizwe abakholelwa ukuba ulwaphulo-mthetho lunyuke ngohlobo oluxakileyo kuMzantsi Afrika wonke.
“Eyona ngxaki iphambili ngaba bantu bathengisa iziyobisi, besekhona, usezakuba nzima umsebenzi wokulwa ulwaphulo-mthetho,”uZuma uxelele umkomishinala waseNyanga, uVuyisile Ncata.
Ebagcada ngemibuzo umongameli uJacob Zuma, uzame ukufumana ulwazi ngesicwangciso sabo sokulwa ulaphulo mthetho.
“Sithini isicwangciso senu sokulwa ulwaphulo mthetho,kuba iKapa eli laziwa njengeyona ndawo inengxaki yokusetyenziswa kweziyobisi, ingaba sikhona isicwangciso esijoliswe ukulwa ukuveliswa nokuthengiswa kweziyobisi?” ubuzile uZuma.
Ephendula kule mibuzo kamongameli oyinkumanda yeqela lezikhululo eziquka iNyanga Moses Memela uthe:
“Simisele isikhululo esincinci eBrowns Farm ukusukela ekupheleni konyaka ophelileyo, sele zibonakala iziphumo zokumiswa kwesi sikhululo kula ndawo,” utshilo uMemela.
Ukwaxelele uZuma ukuba ubuhlobo nentsebenziswano buphucukile phakathi kwamapolisa kunye nabahlali.
UZuma ukwaxelelwe ukuba kukho iimbono zokumiselwa kwesikhululo sesibini eNyanga ngelizama ukuphungula ulaphulo mthetho.
INyanga isoloko ihamba phambili minyaka le xa kubalwa amanani wezona zikhululo zinamanani aphezulu abantu ababhubhayo.
Umongameli Zuma utyelele lengingqi emva kokuba ethe wenza intetho yakhe yobume besizwe epalamente eKapa.
“Sizakuzama ukuba sithethe namasebe ahlukeneyo karrhulumente ukuze kuliwe nale ngxaki,” utshilo uZuma.
UHugo Broos uzityanda igila ngokudlalisa uVeli Mothwa izolo