UZuma ugwetywe iinyanga ezilishumi elinesihlanu (15 months) ejele

OBESAKUBA nguMongameli weli uJacob Zuma ugwetywe iinyanga ezilishumi elinesihlanu (15 months) ejele yiNkundla yoMgaqo Siseko ngoLwesibini.

Oku kulandela isiphakamiso esasenziwe nguSihlalo weKomishini ePhendla ukuDlakatheliswa koMbuso, uRaymond Zondo, emva kokuba lo kaZuma edelele imiyalelo kaZondo.

UZondo waya kwiNkundla yoMgaqo Siseko emva kokuba uZuma ephume phakathi kule Komishini, waphinda akawunaka umyalelo wokuba makavele phambi kwayo.

Obesakuba nguMongameli uJacob Zuma UMFANEKISO: Itumeleng English/African News Agency(ANA)

Ewisa isigwebo sakhe, uJaji Sisi Khampepe weNkundla yoMgaqo Siseko uthe isidima seenkundla kufanele sihlonitshwe ingakumbi ngabantu abebefudula besemagunyeni, watsho esithi lo kaZuma kufuneka azinikezele kwabasemagunyeni kwisithuba seentsuku ezintlanu. Xa engayenzanga lo nto, kutsho uKhampepe, uza kuthatyathelwa amanyathelo ngabezomthetho zingaphelanga iintsuku ezintathu.

Umhla weshumi elinesihlanu kweyoMdumba kulo nyaka, ukuya koweshumi elisithoba (we-19) wawubekelwe ukuba lo kaZuma avele phambi kweKomishini kaZondo. Oku kuza emva kokuba uZuma wayishiya phakathi le komishini ngenyanga yeNkanga, esithi imbhuca amalungelo.

Amagqwetha kaZuma adiza ukuba obesakuba nguMongameli akazuvela phambi kwale komishini ngelithi akukagqitywa ukuphengululwa kwesicelo sikaZuma sokuba uZondo makazikhwebule kule komishini.

UKhampepe uthi uZuma kwakufanele ukuba ulandele umthetho xa esiva ukuba akafanelanga ukuvela phambi kweKomishini.