UZuma ukhahlela kuGqubule

Umongameli uJacob Zuma uvakalise amazwi ovelwano kusapho lukaGqirha Simon Gqubule wenkonzo yamaWesile othe wabhubha kwimpelaveki egqithileyo.

Lo kaZuma wenze oku egameni labantu belizwe loMzantsi Afrika nalapho athi le ndoda ibilichule elilodwa kwezenkolo, isifundiswa kwanenkokheli emzabalazweni.

Ngomhla wamashumi amabini anesibhozo wenyanga kaTshazimpuzi eli gqala linikwe imbasa iOrder of Luthuli kwiSilivere nguMongameli Zuma.

Le mbasa wayifumana ngeenjongo zokunika imbeko kumsebenzi awenze kwidabi lenkululeko, imfundo nemicimbi yenkolo.

“Wanga umphefumlo wakhe ungaphumla ngoxolo, sibuhlungu ukushiywa leli qhawe lokulwela inkululeko, amalungelo oluntu nenkokeli yokuhlala,” uthethe watsho uZuma.

Othethe egameni lombutho wenkonzo iSouth African Council of Churches eMpuma Koloni uMfundisi uLulama Ntsingwa uyabungqina ubuchule bokukhokela kwale ndoda kaThixo.

“Ndigqithe kanye kwizandla zakhe ugqirha Gqubule njengabanye abefundisi abaninzi, sibuhlungu ngenene kukushiywa nguye ngenxa yomsebenzi wakhe,” utshilo uNtsingwa.

KuGqubule kuphume iingcungela ezifana noTinyiko Maluleke weYunivesithi yaseMzantsi Afrika, owayesakuba yiBhishophu yamaWisile uPurity Malinga kunye noBhishophu Malusi Mpumlwana nabanye abaninzi.

Lo gqirha ufundise abefundisi kwiziko iFederal Theological Seminary eDikeni, eMthatha nasePietermaritzburg.

“Ugxothwe kwezi ndawo zontathu, kugxothwa neli ziko lokuqeqesha abefundisi ngenxa yefuthe lakhe ekuchaseni inkqubo yobandlululo,” uthethe watsho uNtsingwa.

Ukanti enye yeBhishophu yenkonzo yamaWisile Mzantsi Afrika uAndile Mbete uthi yilahleko enkulu ukushiywa nguGqirha Simon Gqubule.

“Kuwe umthi omkhulu apha, itishala yabefundisi ukusukela ngonyaka ka1960 ukuya ngonyaka ka1989, siyakumkhumbula ngendima yakhe ekukhokeleni inkonzo yama- Wesile,” uthethe watsho uMbete.

Ingingqi yaseTinarha ixhamle kwiinkqubo zikaGqirha Gqubule emva kokuba wathi wangenelela kwimeko yemfundo. “Waqala inkqubo yokufundisa abantwana besikolo ulwimi lesiNgesi ngokwenza iincwadi zesiNgesi, lo nto yaphucula umgangatho weziphumo zebanga leshumi, kamva uye wangenelelwa ngabantu ababefundisa ngaphambili kwizibalo nezinye,” uvale ngelo uMbete.

UGqubule uzakungcwatyelwa eTinarha ngoLwesine umhla wesibini kwinyanga yeSilimela.

UGqubule uncance ulwazi lwakhe kwiyunivesithi yaseFort Hare waza waba ngowokuqala omnyama ukufumana isidanga sobugqirha kwiyunivesithi yaseRhodes.