UZuma ulilisana namaxhoba aseTurkey

UMongameli woMzantsi Afrika uJacob Zuma udlulise amazwi ovelwano kurhulumente kwakunye nabantu belizwe laseTurkey, kuquka nezontsapho zithe zabhujelwa ngamalungu azo ngethuba lohlaselo olwenzeke e-Instabul Ataturk Airport ngoLwesithathu ebusuku, nolusube imiphefumlo engapha kwamashumi amane, ze konzakala abangama- 150.

UZuma uthi eli lizwe lilisana nela lizwe njengoko kukho nabemi beli loMzantsi Afrika abakwela lizwe.

Unozakuzaku weli loMzantsi Afrika ukwiintetha kunye nabasemagunyeni bela lizwe ukujonga ukuba bakhona kusini na abeli abathe bachaphazeleka kwabo bonzakeleyo.

Ngokweengxelo zayizolo bekungekabikho mmi weli odiziweyo ukuba wonzakele okanye ubhubhile.