UZuma uncoma indima kaSASSA

UMongameli weli loMzantsi Afrika uJacob Zuma uthi, indlala kweli loMzantsi Afrika sele yehle kakhulu kunakuqala oko kwathi kwaqalwa ukuveliswa inkqubo yokunceda abantu lisebe le arhente yokukhuselwa kwentlalo yoluntu uSASSA.

UZuma ebexelela inginginya yabahlali eNkandla ngethuba le-Arhente ibhiyozela ukugqiba iminyaka elishumi. U-SASSA wasungulwa ngoka-2006.

Unentlobo ngeentlobo zemali yezibonelelo azikhuphayo ezinceda abantwana, abantu abangathathi-ntweni, abakhubazekileyo, abangenabazali namaxhegwazana. UZuma uthe, idlale indima enkulu kakhulu le Arhente iphucula iimpilo zabantu bethu abangathathintweni.