UZuma useBhayi kuvuselelo loqoqosho kwiilwandle

Uyagaleleka ngale ntsasa eBhayi umongameli weli uJacob Zuma ukuya kujonga ngenkqubela malunga nengxelo yephulo lokuvuselela uqoqosho lweelwandle i-Operation Phakisa.

UZuma wayisungula le nkqubo kwinyanga yeKhala ngonyaka ka2014 KwaZulu-Natal.

Iphulo i-Operation Phakisa liqale eMalaysia, kwaye iinjongo zalo kukuza neenguqu kuqoqosho lwaselwandle ekukholeleka ukuba lusephantsi kwezandla ezithile.

UZuma uzakube ekunxweme laseBhayi.

IMpuma Koloni ineelwandle ezikumgama weekhilomitha ezingamakhulu asibhozo (800km).