UZuma ‘usemandleni kwaye akanaloyiko’, kutsho uDuduzile Zuma-Sambudla

UDUDUZILE Zuma-Sambudla, oyintombi kaJacob Zuma, ubhale kuTwitter esithi utata wakhe “usemandleni kwaye akanaloyiko”.

UZuma-Sambudla ukubhale oku kuTwitter wakhe emva kwesigwebo senkundla yoMgaqo Siseko apho lo kaZuma egwetywe iinyanga ezilishumi elinesihlanu ejele kulandela ukutyeshela umyalelo wenkundla.

NgoLwesibini, uJaji Sisi Khampepe ugwebe lo kaZuma esithi umntu okwibakala elifana naye kufanele ukuba uyayazi ukubaluleka kokuhlonitshwa kweenkundla.

Ebhala kuTwitter, uZuma-Sambudla uthe: “Amandla! Ndigqiba kuthetha notata wam uJacob Zuma, usemandleni kwaye akanaloyiko. [Sinikwe ithuba] lokukhetha phakathi kweRhawuti okanye iNkandla…Nakanjani sikhethe ukuba kufutshane nekhaya. Zivaliwe zingavalwanga iintshukumo elizweni, siza kukhapha uyochitha ixesha lakho (entolongweni.”

Oku kulandela isiphakamiso esasenziwe nguSihlalo weKomishini ePhendla ukuDlakatheliswa koMbuso, uRaymond Zondo, emva kokuba lo kaZuma edelele imiyalelo kaZondo.

UZondo waya kwiNkundla yoMgaqo Siseko emva kokuba uZuma ephume phakathi kule Komishini, waphinda akawunaka umyalelo wokuba makavele phambi kwayo.

Jacob Zuma UMFANEKISO: Bongiwe Mchunu

Ewisa isigwebo sakhe, uJaji Sisi Khampepe weNkundla yoMgaqo Siseko uthe isidima seenkundla kufanele sihlonitshwe ingakumbi ngabantu abebefudula besemagunyeni, watsho esithi lo kaZuma kufuneka azinikezele kwabasemagunyeni kwisithuba seentsuku ezintlanu. Xa engayenzanga lo nto, kutsho uKhampepe, uza kuthatyathelwa amanyathelo ngabezomthetho zingaphelanga iintsuku ezintathu.

Umhla weshumi elinesihlanu kweyoMdumba kulo nyaka, ukuya koweshumi elisithoba (we-19) wawubekelwe ukuba lo kaZuma avele phambi kweKomishini kaZondo. Oku kuza emva kokuba uZuma wayishiya phakathi le komishini ngenyanga yeNkanga, esithi imbhuca amalungelo.

Amagqwetha kaZuma adiza ukuba obesakuba nguMongameli akazuvela phambi kwale komishini ngelithi akukagqitywa ukuphengululwa kwesicelo sikaZuma sokuba uZondo makazikhwebule kule komishini.

UKhampepe uthi uZuma kwakufanele ukuba ulandele umthetho xa esiva ukuba akafanelanga ukuvela phambi kweKomishini.