UKUBA ikhona into engasokuze yohlule uMongameli we-ANC uJacob Zuma noluntu, iyakuba kukudanisa. Abalandeli nabaxhasi be-ANC bayakuthanda ukubona uZuma edanisa.
Phambi kokuba enze intetho yakhe eNelson Mandela Bay Stadium eBhayi, uZuma ukhe wazipha ithuba lokukhe akhumbule amaxesha obutsha bakhe, okudanisa. Kulapho uluntu luqale khona ukugigitheka yintsini lubonakala lonwabele ukubona umongameli ezijija ukudanisa oku.
Ngethuba egqiba kwenza intetho yakhe yomqulu wezithembiso wonyulo loo masipala, uZuma uhlabele ingoma yakhe ethi “Inde le ndlela esiyihambayo”.
Emva koko baye bahlokoma abantu bevuma naye ngethuba elandelwa lisekela lakhe uCyril Ramaphosa namanye amalungu aphezulu e-ANC. Nokuba yeyiphi indlela engahlalutywa ngayo, kodwa kuyabonakala ukuba uZuma uyayazi indlela yokuzidibanisa futhi nokuzonwabisa nabalandeli kuquka nabaxhasi be-ANC.
UVilakazi usola usompempe ngokuphuma kwaMaZulu kwiNedbank Cup