UZuma wongeze iintsuku zokubhiyozela iKrismesi

Umongameli welo Mzantsi Afrika uJacob Zuma ubhengeze i27 kaDisemba njengosuku lweholide, ngenxa yokuba umhla we-25 ungoCawe

UMONGAMELI Jacob Zuma
ubhengeze ukuba umhla wamashumi amabini anesixhenxe (27) kweyoMnga kulo nyaka,
uzakuba lusuku leholide. 
UZuma ukwenza oku
emva emva kokufumana isiphakamiso semanyano iFederation of Unions of South
Africa (FEDUSA). Le manyano iphakamise lo mba emva kokuba iiholide zalonyaka
zikwishumi elinanye endaweni yezo zesiqhelo zeshumi elinesibini.

 Umhla weKrismesi
kulo nyaka, ungeCawe. Ngokwesolotya lo mthetho olawula iiholide [2(1) wePublic
Holidays Act ka1994], xa iholide ingeCawe umthetho uye unyanzele ukuba
ibhiyozelwe ngoMvulo loo holide.

Kodwa ngenxa
yokuba emva kweKrismesi yenye iholide – iDay of Goodwill ngomhla wamashumi
amabini anesithandathu kweyoMnga – oko kuthetha ukuba iKrismesi ayukubanalo
usuku (labasebenzi) lokubhiyozelwa kulo nyaka. “Ukubhengezwa komhla wamashumi
amabini anesixhenxe njengosuku leholide, kuza kuqinisekisa ukuba abasebenzi
bafumana iiholide zabo ezihlawulelwayo ezilishumi elinesibini ngonyaka,”
utshilo uZuma.