Ikumkani yamaZulu uGoodwill Zwelithini uhlabe ikhwelo kuzo zonke iinkokeli zomthonyama kwakunye neenkokeli zenkolo ngeenkolo ekubeni zithabathe inxaxheba ekulweni isifo sikaGawulayo.
UZwelithini oku ukudize kwinginginya yamalungu enkolo yobuSilamsi ngoMgqibelo eNkandla KwaZulu-Natal. Le kumkani yamaZulu ithe kubalulekile ukuba zonke iinkolo zabantu zihlonitshwe.
Uthe ngokomgaqo siseko weli loMzantsi Afrika iinkolo, kufuneka zihlonitshwe ngendlela elinganayo.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?